Lifumene uncedo usapho ebelitshelwe ngumzi

UMzimkhulu Feni osisihlobo kusapho lakwaNobebe phambi kwendlu yethutyana efunyenwe yolusapho. Umfanekiso: Nobuzwe Nocuze

Lifumene inkxaso yendlu yethutyana usapho
lakwaNobebe kwindawo yasePosini ePort Alfred emva kwendlu yalo etshatyalaliswe
ngumlilo kwiveki ephelileyo. Olu sapho likwabalule inkxaso eliyifumene
kubahlali bale ndawo emva kwelishangusha.

Usapho lakwaNobebe lalahlekelwa yiyo yonke into
emva kokuvuswa ngumntwana walo, owavuka ngobusuku kusitsha, wavusa namanye
amalungu osapho.

UNontombi
Nobebe oneminyaka engamshumi amane anesithoba ubudala nongumama weli khaya
wenze umbulelo ongazenzisiyo kuluntu oluthe lafaka isandla.

Ukwathe ngaphandle kwendlu yethutyana uMasipala
waseNdlambe ubancede nangesitovu esisebenzisa igel nangeyunifom yomnye wabantwana. Isithathu kwaba bantwana sifumene iyunifom kwiziko elinceda abantwana. UNobebe uthi ezi zinto zafika nje
emva kweentsuku ezimbini kutshile.

Lo kaNobebe uthi bafumene ibhedi kwakunye nengubo
koomakhelwane, iimpahla zokunxiba kunye nokutya, kwakunye neeyunifom zabantwana. “Ndibulela
ngokungazenzisiyo kubo bonke abantu abandincedileyo,” utshilo. 
Noxa kunjalo olu sapho lisadinga izazisi kwakunye
nezatifikethi zokuzalwa zabantwana.