Lifunyenwe eMthatha ibhinqa ebelithinjwe eKapa

LUMANGALISEKILE usapho lakwaSikhafungane emva kokuba intombi yabo eyayithinjwe eKraaifontein ifunyenwe eMthatha malunga neekhilomitha eziliwaka kude nekhaya.

U-Anathi Sikhafungane oneminyaka engama20 waseKraaifontein wagqityelwa esiya kwisikolo sasebusuku eBloekombos ngomhla we12 kweyoMsintsi.

Endaweni yokuba abuye nanjengoko lalulindele usapho, bafumana umyalezo owoyikisayo emnxebeni owawusuka kubathimbi bakhe.

Wawusithi lo myalezo: “Usaphila. Andizukumonzakalisa okanye ndimbulale. Ndifuna ukwenza imali ngaye.”

“Ungumntu olungileyo. Xa ndigqibile ngaye ndizakunixelela apho manimlande khona. Andingomntu ongcolileyo qha ndidinga imali.”

Emva koko usapho luthi lwaya emapoliseni lufuna uncedo kodwa luthi aluzange lufumane nkxaso nangona bagqithisa nalo miyalezo bayifumanayo.

Usapho lwaye lwabhenela ebahlalini lucela ukukhangeliswa uAnathi. Umalume wakhe, uMichael Sikhafungana ubalise wathi: “Emva kokuphuma kwesikolo, wakhatshwa ngomnye umfundi ukuba bayokuhayikha. Kwamisa iAvanza kwavela ibhinqa lamnyanzela ukuba makangene ngaphakathi uAnathi. Elo bhinqa lamnika isiselo. Yinto yokugqibela ayikhumbulayo leyo phambi kokuba avuke kwigumbi elingenazifestile ekunye namanye amantombazana.”

NgoLwesine weveki ephelileyo, uAnathi wavuka kwenye imoto eyayizele qhu ngamadoda wabona uphawu lwendlela olukhomba uMthatha.

“Bamshiya ethafeni kodwa wakwazi ukuhamba de wabe ufumana uncedo. Ngethamsanqa wawukuye umnxeba wakhe waze watsalela usapho lwethu olulapho.”