Lifunyenwe liswelekile emva kokuxhoma eziseleni
ibanjwa laseMthatha, ebelidontsa isigwebo kwintolongo yaseMdantsane eMonti. Oku
kudizwe yingxelo ekhutshwe lisebe lezoluleko eMpuma Koloni.
Le ngxelo ithi,
uMkhululi Luwaca ebetsala isigwebo seminyaka elishumi elinesihlanu ngetyala
lokudlwengula emva kwesigwebo asifumene ngenyanga yeSilimela, kwinkundla
yesigqeba eMthatha. Ubekwa yinxalenye yabarhanelwa abathathu abajongene
nothotho lwamatyala aquka amabini okubulala abafundi bakwaPayne eMthatha
kunyaka ophelileyo.
Umkomishinala wezoluleko kweli phondo uNkosinathi
Breakfast uthi, uLuwaca usweleke emva kokuzixhoma entolongweni.
“Siqhuba uphando lokukhangela ukuba akukhange kubekho
ukungangathali kusini na kumagosa ethu. Sikwakhangela izizathu ezingangunozala
wokuzixhoma kwakhe,” utshilo uBreakfast. Ukwathe, isizathu sokususwa kwakhe eMthatha
asiwe eMonti ngumgaqo wesebe wokugcina amabanjwa aselula.
ULuwaca bekulindeleke ukuba abuyele kwinkundla
yamatyala ephakamileyo eMthatha, ekunye noogxa bakhe ababini, nguBongani
Ephana (22), Andiphile Mhlophe (21) ngomhla wesine kwinyanga yeNkanga. Kweli tyala
bekulindeleke ingxoxo-mpikiswano
ngesigwebo, emva kokuba inkundla ephakamileyo eMthatha yabafumana benamatyala
amathathu ebutsheni balo nyaka.
Esi sithathu safunyanwa sinamatyala okuxhwila, elokuxhomisa,
Muller kwaPayne eMthatha kwinyanga kaCanzibe kunyaka ophelileyo. Emva koko balahla imizimba
yamaxhoba kwidama, iMthatha
Dam.
Amapolisa ayifumana le mizimba kweli dama emva kokuba ecele uncedo kuluntu, kuphando ngesizeka bani sokunyamalala kwesi sibini.
Ebudeni betyala abarhanelwa batshintsha
ubungqina namagqwetha kwinto eyachazwa yinkundla njengokuzama ukusinda
kwelityala. Igqwetha labo uVusokazi Mncedane uthe akakabi nalwazi
ngezizathu zokusweleka kukaLuwaca.
Iyangcwatywa inkosikazi yaseDutywa ebhaqwe eGqeberha itshisiwe!