UBalungile Mavuso (23) waseThekwini ngumzekelo womfama omtsha ekunokufundwa kuye ngabo bangoontanga bakhe banqwenela ukulima nokufuya.
Uninzi lolutsha lunawo umbono nomdla wokuqala ishishini ngokulima nokufuya, koko badinga isibindi sokukwenza oku.
“Ndaqala ukulima ngo2020, ndilima kuba ndizama ukuvula amathuba ukuze ndingadingi koko ndiziphilise,” kutsho uMavuso. Uthi wenze oku emva kokuqaphela ukuba ayancipha ngokuncipha amathuba okufumaneka komsebenzi kweli loMzantsi Afrika.
“Ndazibona ndinyanzelekile ukuba nditshintshe indlela yokucinga ukuze ndikwazi ukuziphilisa, ndityala imifuno ndize ndiyithengise, kwaye ubomi buyaqhubeka,” kutsho uMavuso.
Iingxelo zakutshanje zoqikelelo lamathuba engqesho ngokophando leStatistics South Afrika luthi lihlile kancinci izinga lokuswela ingqesho kweli.
“Umyalezo wam kulutsha kukuba abantu abatsha mabahlukane nokujongela phantsi ezolimo, ulimo ngumthombo wobutyebi, kodwa ke kufuneka umntu ozimisele ukusebenza,” kutsho uMavuso.
Ukungxamela izinto ezikhawulezayo yenye yeengxaki zolutsha lelizwe loMzantsi Afrika, ukuswela umonde kwenza ukuba bangamelani nezolimo.
“Ukonqena mabakubeke ecaleni, bazimisele bazixelele ukuba bakulima ngempumelelo, kuba ulimo likamva elingenakutshintshwa yonto,” uhambisa atsho uMavuso.
UMavuso uthengisa ispinatshi, ikhaphetshu, iitapile, ibeetroot nezinye. “Xa uzithemba kumsebenzi owenzayo, ayikho into enokuma phambi kwakho, impumelelo yakho iqinisekisiwe,” uthembisa ngelo kulutsha uMavuso.
Uninzi lamafama afana noMavuso adala amathuba emisebenzi koogxa bawo ukuze bakwazi ukuguqula imeko yentlalo yabo yemihla ngemihla.
Ilizwe loMzantsi Afrika linemihlaba ekwizigidi zeehektare ohleli wodwa onokusetyenziswa ukulima ngabo badinga umsebenzi. Abantu abatsha baphuma eziYunivesithi minyaka le bephethe iziqinisekiso ezahlukeneyo, kodwa bahlala nazo emakhayeni abo bendinga into yokwenza.
Ukuguquka kwamaxabiso okutya okuquka imifuno ezivenkileni kuxhomekeke ngamandla kwinzame ezifana nezo zenziwa nguBalungile Mavuso.
Ubuyile uloliwe phakathi kweKapa neRhawutini