Ligwetyelwe ukubulala inenekazi laseGqeberha!

Emva kwengxwabangxwaba phakathi kwezithandani ezibini zaseMotherwell eGqeberha, uChristopher Cengani (45) kwakunye noSisanda Ngam (23) iphele sekukubi, omnye ebhubha.

Ngokwengxelo eye yabekwa phambi kwenkundla yamatyala ngethuba kuqhuba ityala, ithi eli nenekazi ngokuzihlangula kwalo kwingxabano leyo laye lahlaba indoda yalo amanxeba aliqela ze yabalekiselwa esibhedlele apho yabhubhela khona ngenxa yobunzulu bamanxeba.

UKapteni Gerda Swart uthi ingxabano yenzeka endlini yezizithandani ekwisitalato iTiwani kwilokishi yaseMotherwell. Senzeka ngeyoMdumba kulo nyaka ze isigwebo sathatyathwa kule nyanga.

Inkundla igwebe uNgam iminyaka elishumi elinesihlanu (15) engaphakathi ejele emva kokubekwa ityala lokubulala.

INkumanda yesikhululo saseMotherwell uBrigadier Michael Solani, uqhwabele izandla iqela lakhe ebeliphanda ngeli tyala.