Ligwetyelwe ukubulala ipolisa!

ObeyiConstable kwisikhululo saseKabega Park eGqeberha uSilumko Wiseman Majola, ogwetywe iminyaka engama25 yinkundla yamatyala yengingqi iNew Brighton emva kokufunyanwa enetyala lokubulala, elokuzama ukubulala kwanelokujongela phantsi ingalo yomthetho, waphikisa inkundla esithi ityala akanalo, koko wayezama ukuzikhusela.

UMajola wadubula wabulala indoda awaxabana nayo kwindawo yentselo eseZwide. Ngethuba kumnandi kuselwa kule ndawo, uMajola wahlasela intokazi encuma nale ndoda wayidubulayo, engazange iyithande lo nto yokuhlaselwa kwentokazi yayo.

Oku kwenzeka ngomhla wesibini kwinyanga yeDwarha ngo2014.

Ingxelo ithi baye bemka kwindawo leyo yentselo. Ngosuku olulandelayo uMajola wadibana nale ndoda ihamba newele layo baqalela phantsi nengxabano yabo. Iwele lexhoba lazama ukunqanda kodwa xa uMajola ekhupha umpu bazama ukubaleka, lawa ixhoba uMajola walidubula labhubha.

Ingxelo ithi waqhubekeka edubula ngoku sele liwe phantsi ixhoba.

Ingxelo ephuma kwiGunyabantu lezoTshutshiso ithi ngethuba kuqhuba ityala, uMajola wathi ityala akanalo. Inkundla yakuphikisa oko isithi uMajola ufanelwe sisigwebo esiqatha kuba wazi ngcono njengoko esemthethweni kwaye ujikele nengalo yomthetho.

I-NPA isamkele esi sigwebo sibekwe kokaMajola.