Ligwetyelwe ukuzama ukubulala ipolisa

Ligwetywe iminyaka elishumi lingaphakathi entolongweni ipolisa laseMaluti emva kokuba lifunyenwe yinkumdla yalammandla kuMvulo wale veki ukuba linetyala lokuzama ukubulala.
 
Ngokwengxelo uKonstable Elvis Klass(32) okwisikhululo samapolisa aseMaluti wadubula ixhoba ngethuba uKlass kunye nogxa wakhe bephangele ngobusuku bangomhla wesithandathu kwinyanga yoMsintsi ngo2014, bathi babona abafana beziselela utywala baboxutha bekophula phantsi amaxhoba ejongile.Oku kwenzeka kwilali yaseLukholweni eMaluti. Isithethi samapolisa alammandla uKapteni Raphael Motloung uthi, kubonakala ukuba ixhoba elinye zange likwazi ukubukela kukrotyozwa utywala babo bejongile laqalisa ukuzilwela kuKlass.
 
UMotloung uthi emva kwemizuzu linomsindo ixhoba uKlass warhuthula umpu wadubula ixhoba walonzakalisa nangona lingazange libhubhe. UKlass wajongana netyala lokuzama ukubulala nazakuthothozela lona iminyaka elishumi.