Ligwetyiwe ipolisa laseMonti elifunyenwe linetyala lokurhwaphiliza

Liza kuchitha iminyaka elithoba lingapha kwezimnyama izisele ipolisa ebelisebenza kwisikhululo samapolisa eCambridge emva kokuba inkundla yamatyala eMonti ilifumene linetyala lokurhwaphiliza, elokuba kwanelokudelela ingalo yomthetho.

Ngokwengxelo ephuma kuBrigadier Thembinkosi Kinana, uMkhanyiseli Mashiya, 43, nobenguConstable eCambridge, ebeye afune imali ngenkani kumaxhoba athi akazukuwabamba okanye awavalele eziseleni ukuba amnike imali. Oku ebekwenza xa ephangele ebusuku kwesi sikhululo. Le mikhuba kaMashiya ibhaqwe ngo2012.

Ingxelo ithi umcuphi wetyala, uWarrant Officer Raoul Petzer, uthi unobangela wokuthatha ixesha elide kwetyala kukuba uMashiya ebezikhusela. UPetzer ukwadize ukuba kwanyanzeleka ukuba becenge ixhoba elalingavumi ukunikeza ngobungqina lize eMonti nelalisuka eRhawutini.

UMkomishinala wamaPolisa ephondweni, uNjengele uLiziwe Ntshinga, uthe esi sigwebo sakuba sisifundo nakubanye ekubeni bangazibandakanyi kulwaphulomthetho, kwaye uthi oko yinto ayishumayela yonke imihla.

“UMashiya ungcolise igama lamapolisa neyinto phofu ekufanele ukuba ipolisa lilwela yona. Amapolisa abhatalelwa ukujonga nokukhusela abahlali, hayi ukuba yingozi kubahlali,” utshilo uNtshinga.