Ligwetyiwe ityendyana eladlwengula ixhegwazana

Ugwetywe iminyaka engamashumi amane ananye uXolani Thwala, emva kokufunyanwa yinkundla yaseMount Fletcher enetyala lokuqhekeza, elokuba kwane lokudlwengula ixhegwazana elinamashumi anesibhozo anesibini ubudala (82).

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ala mmandla, uKapteni Raphael Motloung uthi uThwala, oneminyaka engamashumi amabini ananye, waqhekeza ifestile yendlu yexhegwazana eli, akugqiba wangena ngaphakathi walayita ngefowuni ukukhangela indawo enebhedi.

Emva kokubhaqa ixhegwazana eli, uThwala wangena kulo walidlwengula, akugqiba wafuna imali ngenkani kwixhegwazana elo.

Oku kwenzeka kwilali yaseLubalweni kude kufuphi nedolophu yaseMount Fletcher ngonyaka ka2015.

UMotloung, uthi kwangobo busuku uThwala waphuma wayo kuqhekeza indlu yegosa lezendlela kula mmandla wathatha iimpahla ezithile.