Ligwetywe ubom ixhego ngokudlwengula izihlobo zalo

Ligwetywe izihlandlo ezithathu ubom ngaphakathi entolongweni ixhego elinamashumi amathandathu ananye ubudala laseCegcuwana eGcuwa, emva kokufunyanwa yinkundla yamatyala eGcuwa linetyala lokudlwengula iintwazana ezintathu nezisencinci ngokweminyaka, eneminyaka esixhenxe (7), esibhozo (8) kwakunye noneminyaka elishumi(10).

Ogwetyiweyo nguMziwonke Mgubela (61).

Kwingxelo kaKapteni Jackson Manatha, elinye ixhoba ladlwengulwa ngomhla weshumi kwekaTshazimpuzi ngo2014, ababini abazalana naye badlwengulwa ngomhla weshumi elinesithoba kweyoKwindla ngo2015, ebadlwengula emin’emaqanda eCegcuwana.

“Omnye kumaxhoba wachaza kowabo ukuba udlwengulwe, emva koko nababini abahlobeneyo nexhego eli bachaza nabo ukuba badlwengulwe ngutamkhulu wabo.

Emva koko ityala laye layokuvulwa kwicala elijongene nobundlobongela kubantwana, kwanokukhuselwa kwabo kwezesondo,” utshilo uManatha.

UNjengele wamapolisa ephondweni uLiziwe Ntshinga, usamkele esi sigwebo esithi sakuthi sibe sisifundo nakubanye abenzi bobubi.

Ukwancome necandelo elijongene nabantwana esipoliseni ngomsebenzi omhle abawenzileyo.

“Bonke abo bacinga ukuba baza kuhlalela ukuhlasela amanina kwakunye nabantwana baza kudibana nengalo yomthetho. Kwaye siza kuqinisekisa ukuba amatyala anje ayaphandwa kwaye abenempumelelo.”

abongile.ginya@inl.co.za