Ligxeka iANC ixhoba lomlilo eMdantsane

UMonica Matiwane Morris waseMdantsane eNU15, phakathi kwindlu yakhe etshileyoUMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

Igqala leANC eMdantsane uMonica Matiwane Morris utyhola umbutho wakhe ngokungamhoyi emva kokuba etshelwe likhaya lakhe ngenyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo.

Le nkosikazi itshelwe likhaya layo ngomhla wesithandathu kwinyanga yeDwarha emva kokuba kwathi kwavuka umlilo ngethuba kubekwe amanzi esitovini.

“Ndajoyina iANC ngo-1986, ndachitha ixesha lam ndisebenzela iANC, ndihamba ezimvuleni, ndihambe ndilala, ndibeka ubomi bam esichengeni, uceba wam Zameka Gajula kunzima ukuza kujonga nje ngemehlo umonakalo endinawo apha,” efuthekile utshilo uMorris.

Uthi ucela uncedo lokuba anikwe indlu yethutyana logama ezakuba elungisa ikhaya lakhe elitshatyalaliswe ngumlilo.

“Abahlali sele bendinike ingxowa zesamente kunye nezitena, ngoku ndidinga nje indawo yokuba ndihlale logama kuzakuba kusakhiwa indlu ngokutsha,”utsho uMorris.

Uthi uhambe izihlandlo eziliqela kwiofisi kaceba ethembisa ukuba uzakuzinika ithuba lokuba adibane naye, ukwabhale iincwadi eziya kwisebe lokuhlaliswa koluntu engafumani mpendulo.

“Ingxaki yam kukuba akukho mntu uphangelayo apha kwelikhaya ngesiyivusa lendlu yilonto sicela ukubonelelwa kulemali ijongene nentlekele ezinje ngale,” uthethe watsho uMorris.

Ingxelo yeli khaya ithi ilahleko eyenziwe ngulo mlilo iqikelelwa kwizigidi ezibini zeerandi (R2 Million).

“Impahla yendlu ibingaphakathi ibikwixabiso eliphezulu kakhulu ekhitshini nasemagumbini okulala bendinempahla zexabiso, ndibuhlungu kakhulu,” utshilo uMorris.

Ngabantu abasixhenxe abahlala kwelikhaya abaquka abantwana abathathu bonke belala kwigumbi elinye ukusukela oko kutshe le ndlu.

Nangona ekhalela uceba wombutho wakhe uMorris uncoma indima edlalwe ngabahlali emva kokutsha kwendlu yakhe kuquka nenkosikazi kaHumprey Maxhegwana uLindelwa Maxhegwana.

“Ezinye zezisamente uzibona apha zisuka kuLindelwa Maxhegwana kuba wakhe wanguceba izindlu zethu uzazi zonke namhla sinengxaki uyangena nje ngabanye abantu,”utsho uMonica.

Uceba wakwa wadi 24 uZameka Gajula akafumanekanga ukuziphendulela kwezi zityholo zokulahlela izandla ilungu lombutho wakhe.

Ukanti oligosa lonxibelelwano kumasipala waseBuffalo City uSibusiso Cindi naye akafumanekanga ukunika impendulo egamani likamasipala.