Lihlangulwe lisebe iqela laseGcuwa

Iintshatsheli zeSasol League eMpuma Koloni, iThunderbirds Ladies, zigalelekile eKimberly emva kokuncedwa lisebe lezemidlalo Umfanekiso: Anele Raziya

Zinduluke zincumile iintshatsheli zeSasol League, iThunderbirds Ladies, ukuya eNorthern Cape – apho ziza kukhuphisana namanye amaqela asibhozo aphumelele iintshinga zeeSasol League kwamanye amaphondo.

Iqela laseGcuwa, iThunderbirds Ladies, belikade lingonwabanga ngenxa yokuswela abaxhasi ngezimali abe beza kuyihlawulela iindleko zohambo xa isiya kumela iMpuma Koloni kwimidlalo yeSasol League National Championships 2018 eza kubanjelwa eKimberly.

Umqeqeshi weLadies, uThembalethu Apleni, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba isebe lezeMidlalo eMpuma Koloni lithe liza kuncedisa ngezinto ezisilelayo eqeleni phambi kohambo.

“Emva kokuba isebe livakalise ukuba liza kuncedisa ziye zasichulumancisa ezo ndaba kwaye zasikhuthaza,” utshilo uApleni.

Ekuqaleni kwale veki, lindulukile iqela likaApleni lisingise eKimberly kwiphondo laseNorthern Cape – apho liza kuziqeqesha khona kude kufike umdlalo wokuqala ngoMgqibelo.

Phakathi kwamaqela iLadies elithekiswe nawo kumjikelo wokuqala kukho iNorth West kunye neTUT Ladies. Kumdlalo wokuvula liza kuhlangana neNorth West ngentsimbi yesithathu kwibala iGaleshewe Stadium ngoMgqibelo.

UThembalethu uthe iqela lakhe ligxeleshe ukubuya nodumo kweli ityeli njengokuba kunyaka ophelileyo laphumelela imbasa yeBronze kunye nemali eyiR60 000 kwilinge lokuqala lokuzama ukuya kwinqanaba elingasentla.

Kumdlalo wesibini baza kuhlangana neTUT Ladies kwaye kufuneka beyiphumelele yomibini imidlalo ukuze bazibeke kwithuba lokudlala kwimidlalo eyandulela owamagqibela kankqoyi.