Lihlatywe labhubha ibanjwa ePollsmor!

EKAPA: LIHLATYWE labhubha ibanjwa ngelixa elinye lishiyeke lonzakele kakhulu ngoLwesine ebusuku kwinto iziphathimandla ezikholelwa ukuba ngumlo wokuxambulisana ngokuba ngubani okhonyayo eMedium B section kwintolongo yasePollsmor.

Kokwesibini kubhubha ibanjwa kule trongo kwezi veki zimbini zidlulileyo. Kwasweleka ilungu lemigulukudu yama28 emva kokuba lajulwa ngamanzi abilayo xa lalityholwa ngokuba umnxeba welinye ibanjwa.

“Sithetha nje, imeko inxunguphele kwaye oongoda bayiqwalasele ngemehlo elibukhali. Le meko ichazwe kwisikhululo samapolisa aseKirstenhof ngokukhawuleza kwavulwa ityala lokubulala nelokonzakalisa umzimba. Sikholelwa ukuba kugquba umlo wokuxambulisana ngokuba ngubani na olawulayo eMedium B section,” sitshilo isithethi sesebe lezoluleko uSimphiwe Xako.