Likhaya lendlala kubantwana uMzantsi Afrika

Ingxelo ekhutshwe zizizwe ezimanyeneyo (UN) malunga nendlala kwihlabathi ibonisa ukuba uMzantsi Afrika, lelinye lamazwe angamashumi amabini, anengxaki yendlala kwihlabathi.

Ngokophando oluhlobo lwendlala lufunyaniswa ukuba luhlasela ngamandla abantwana kuwo onke amazwe ekwenziwe kuwo uphando.

IUnited Nations Children’s Fund (UNICEF) ngabantwana abakwikhulu namashumi asibhozo ezigidi kwihlabathi abajikajikana nendlela. Le ngxelo ithi okubuhlungu kukuba le ngxaki ichaphazela ngamandla iintsana eziminyaka iqala kwemihlanu kuphela.

Ilizwe laseSomalia lihamba phambili kolu luhlu ngamashumi amathandathu anesithathu eepesenti ekhulwini.

Ilizwe loMzantsi Afrika lisemxukuxeleni ngamashumi amabini anesithathu eepesenti ekhulwini.

Ziimeko ezininzi ekuchazwe ukuba zingunobangela wendlala echaphazela iintsana kwihlabathi, kuquka nemozulu eguqukayo.

UToby Fricker, weUNICEF, uthi ingxaki yeziseko ezingunqondo yenye ebangela ukunqongophala kokutya.

“Iimozulu ezimbi, imozulu eguqukayo, ukungalungiswa kwendlela, nezinye iziseko kwenza ukuba iinkonzo zokuveliswa kokutya zingaqhubi kakuhle,” kutsho uFricker.

Uhambisa athi uninzi lwabantu abakwazi kufikelela ekutyeni okuphilileyo baquka abo bahlala kwiindawo ezingamaphandle.

“Okubuhlungu kukuba xa umntwana ethe akondleka kakuhle xa esemncinci lonto ichaphazela indlela ingqondo yakhe ekhula ngayo, uhamba abenengxaki ekukhuleni,” kucacisa uFricker.

Uthi imveliso yokutya kumele ukuba ibe yingxoxo ephambili mihla yonke kumagosa akhokele oorhulumente kwihlabathi.

“Makuqiniswe nakwicala lamalungelo abantwana ukuze abantwana bakwazi ukunikwa ithuba lokukhalaza xa bengafumani kutya kufanelekileyo,” kutsho uFricker.

Uhambisa athi amafama ngawokuqala ekumele ukuba aboniswe umfanekiso wokuqhubeka kwintlalo yoluntu ngokumayela nokuveliswa kokutya kwihlabathi.

“Kufuneka isicwangciso esicacileyo esizakuquka amafama, nayo yonke eminye imibutho ebonisa umdla kwilinge lokulwa indlala echaphazela abantwana,” kutsho uFricker.

Ilizwe loMzantsi Afrika lelinye lamazwe ambalwa kwihlabathi elikhupha isibonelelo esijoliswe ukunceda abantwana ukuba bafumane ukutya.