Likhothamil’ ixhwangusha lobuSoshiyali!

Mhla lagqekreza litshawuz`imibane kuphalala igazi kwelo laseAngola, liviwe lidanduluk` ixhwangusha lomzabalaz`uFidel Castro lisithi, “Bhinqan`umbhinqo makwedini ningxal`irhuluwa ukuze sixhabashe sixhobe sifohlele sisingise kwelo laseAngola!

Kaloku wawuhlanganisa ngoko nangoko umkhosi wakhe ukuze uye kuncedisa amajoni enkululeko phantsi kweMPLA. Utshaba lwelo xesha olwalufuna ukuyithathela kuyo iAngola yayingamadlagusha oonqalintloko babacinezeli ababehlasela ngeSADF eyayiphuma eMzantsi Afrika ngexesha lengcinezelo, bencedisana namakoloniyali angabaPhuthukezi ayephuma kwelo lasePortugal.

Iinjongo zikarhukumente waseMzantsi Afrika welo xesha kunye nePortugal yayikukufakwa kweAngola phantsi kwamazwe awayelawulwa yiPortugal nokuqinisekisa ukuba uhlanga lwalapho oluntsundu luhluthwa amalungelo okuphila njengabantu nanjengabemi abanenxaxheba nelungelo elifanelekileyo kulawulo lwelizwe labo, ngokufanayo nomzi ontsundu eMzantsi Afrika.

Imbali ithi, uthe wakufika apho umkhosi weCuba kaFidel Xhwangusha Castro, imikhosi yeSADF naleyo yasePortugal yabhulelwa amasaka kwathi saa, ilelo ijoni lisithi nyawo zam wakhe wandinceda kusini na!

Igalelo leli xhwangusha kwinkululeko yoMzantsi Afrika neNamibia kaSam Nujoma noToivo ya Toivo yaziwa nanguthathatha!

Omabini la mazwe ngesadyumpuza kumlambo wempalalo-gazi nengcinezelo yobuhlanga obabugxininisa ukuphathwa ngokwezinja okanye oku koonombombiya kwabantu abantsundu ngurhulumente wegcuntswana elimhlophe.

Imikhosi yamajoni enkululeko afana noMkhonto weSizwe naleyo yayisilwela inkululeko yabantu abantsundu eNamibia, besilwa phantsi kombutho wamatsha-ntliziyo walapho iSWAPO, yayixhaswa ngezixhobo zemfazwe, ukuhlinzekwa ize iqeqeshwe ngurhulemente waseCuba kwelo likaFidel Castro.

KuMzantsi Afrika uphela, kunamanani avisayo abantwana bomgquba abanezidanga zobugqirha ngenxa yokunikwa imfundo yasimahla kwicandelo lezempilo ngurhulumente kaFidel Xhwangusha Castro.

Baninzi kunjalo nje baluncedo olungathethekiyo noogqirha belizwe laseCuba abafunyanwa kwizibhedlele ezininzi kulo lonke elo Mzantsi Afrika, kunjalo nje kuyacaca ukuba bona baphuma kwizandla zejoni lenkululeko, kwizandla ezihle ezibhedesha ngobusoshiyali obuphakamisa umntu ngaphezu kobutyebi, kuba oogqirha baseCuba bayafumaneka nakwizibhedlele ezisebenza emini kwiilokishi zethu nakwezo zasezilalini kwiindawo ezisemaphandleni.

Umhla wesine kweyoMnga kumnyaka ka-2016 ngumhla osikelelekileyo, kuba ngale mini akuphelelanga nje ekuzalweni kwentombi yakwaKrila ezala mna, umama uNokhuselo, koko kubekwe kwikhaya lokugqibela eli xhwangusha lakwaCastro!

Ithamsanqa ke kukuba apho aya khona uFidel Xhwangusha Castro uza kufika elindelwe ngezandla ezishushu, izandla ezingenamikhinkqi, kuba apho akukho kulala, akukho kuphumla, koko kuyasetyenzwa, kukhokelwa abo basadla amazimba, ukuze izizwe ngezizwe ziphile ngonaphakade!

Apho aya khona lo kaCastro uza kufika elindelwe ngamaphutha-hlathinye angoogxalaba libanzi awayephefumlelana nabo kwidabi lenkululeko nokuqinisekisa ukuba izizwe ezisahlumayo azilawulwa ngoongxowa-nkulu ababephuma kumazwe afana neMelika, iBritane,

namanye aseYurophu! Uza kufika belapho ooHaille Selassie; ooKwame Nkrumah; ooNelson Mandela; ooOliver Reginald Tambo; ooWalter Sisulu; ooThomas Sankara; ooAmilcar Cabral; ooFrantz Fanon; ooPatrice Lumumba; ooMuammar Gaddafi; uSamora Machel,uChe Guevara nabanye abaninzi.

Ndikhumbula mhla eli xhwangusha lakwaCastro Ruz lacelwa ukuba lithethe kwindlu yowiso-mthetho kumbuso kabawo uRholihlahla Mandela, umhla ingowe-4 kweyoMsintsi kumnyaka ka-1998.

Amazwi alo bawo ahlala enkenteza ezindlebeni zam, ingakumbi indlela awawuzoba ngayo uMzantsi Afrika.

UFidel Castro wawuchaza uMzanntsi Afrika wenjenje: “Nanamhla zimbini iindidi zoMzantsi Afrika. Andifuni kuthi yentsundu nemhlophe kuba loo magama awasenandawo kulawulo lwedemokhrasi. Ndifuna ukuthi nguMzansti Afrika wabazizinhanha noMzantsi Afrika wabangamahlwempu.”

Ndithi xa ndiyicinga le nkcazo, ndiyihlafuna nangamathambo engqondo, zisuke zihle iinyembezi, uvalo lubethe ngamandla, kuba kaloku inkcazo kaFidel Castro yemeko ekuphilwa ngayo eMzantsi Afrika ayikatshintshi nakancinci, ngapha koko iya isiba mbi ngokubambi.

Xa ndikhahlela eli xhwangusha lobunye, nokulwelwa kwamalungelo oluntu, ndivumele ndenjenje:

Khanibaz` iindlebe zidwesha nilale ngenxeba,

Khanizole nisel` amanzi nisul` iinyembezi,

Kaloku namhla liwil`inkonyana lohlanga,

Lala ngoxolo Nkumanda, qhawe lamaqhawe!

Uhlanga lwehlabathi luxolil` uCastr` owakh` umsebenz` uwugqibile,

Izizwe ngezizwe zixolil` uFidel` olwakh` ugqats` ulufezile,

Abacinezeli bayalaz` iXhwangusha likagqum-gqum barhwaqele,

Amakoloniyal` awamthandabuz` uqengqa ngesibham bazithwal` iinyawo!

Maz`enethole Fidel Xhwangusha Castro siyakubulela,

Igalelo lakho kwinkululeko yamaAfrika siyayibulela,

Mqondiso wobulungisa, mfuziselo wombuso kamakulinganwe,

Phesheya komlambo bayalwaz` ulwamvila lwakho,

Nezizukulwana zehlabath`azikuthandabuzi ngobujoni benyaniso!

Umoya wakho mawuphile ngonaphakade Fidel Castro! Makube njalo!