Likhulile inani lamakhaya anombane kweli

Inkcukacha-manani ezikhutshwe ngabakwaStatistics South Africa zibonisa ukuba ngamashumi alithoba eepesenti (90%) ekhulwini imizi yeli enombane ukusukela emva konyaka ka1994.

Le ngxelo ingqinelwe yinkampani enkinkisha umbane kweli, iEskom kwingxelo yabo ephume kwiveki ephelileyo.

Abakwa Stats SA bakhuphe amanqakwana engxelo emalunga nemeko yentlalo yekhaya ngalinye kweli ukusukela ngenyanga kaJanuwari no- Disemba kunyaka ophelileyo. Olu phando lubonisa ukuba

linyukile inani labantu beli abaxhamla umbane ukusukela ngonyaka ka2002. Ngonyaka ka2002 la manani anyuka aya kumashumi asixhenxe anesixhenxe eepesenti lo gama linyuke laya kufika kumashumi asibhozo anesihlanu ngonyaka ka 2015.

Nangona kunjalo iziganeko ezininzi zoqhankqalazo kweli loMzantsi Afrika ziphenjelelwa ziingxaki eziquka ukungabikho kombane kwiindawo ezihlala abantu.

Ingingqi yaseKielands eCumakala kutshanje ikwaye inkqubo yokubhalisela ukuvota besithi abahlali abanakuthatha nxaxheba kuba abafumani zinkonzo.

“Sifuna umbane, indlela namanzi asisoze siyeke ukuqhankqalaza zingekho ezo zinto, nathi sifuna ubomi obungcono njengabanye abantu,”batsho abahlali.

Iindawo ezikumaxethuka eMpuma Koloni zezinye ezikusokolayo ukufumana umbane.

Iphondo laseMpuma Koloni lelinye elisenamanani aphezulu abantu abasadinga umbane.

Le ngxelo ithi ngamashumi asixhenxe anesithathu ekhulwini eepesenti abantu abanawo umbane kweli leMpuma Koloni.

Iphondo laseFreyistata lelona linabantu abaninzi abanombane ngamashumi asibhozo anesithandathu ekhulwini xa kuthelekiswa namanye amaphondo.

“Ngamakhaya akuma90% eli axhamlayo kwiinkqubo zombane eMzantsi Afrika, itsho ingxelo kaEskom. Inkampani yakwaEskom kulindeleke ukuba iqhubeke ukufaka umbane koomasipala beli ngemali ekwiibhiliyoni ezilishumi elinesixhenxe zeerandi kule minyaka mithathu ezayo.

Ngamakhaya akumakhulu asibhozo namashumi amane amawaka ekulindeleke ukuba axhamle kule nkqubo kule minyaka mithathu izayo.