Likhulile inani loozimelegeqe kulonyulo

Ulonyulo oluzayo loomasipala luzakuba lolunika umdla kakhulu xa ulithelekisa neminyaka engaphambili. Oku kungenxa yokuba landile inani labagqatswa abazimeleyo abazakungenela olu lonyulo kuzwelonke, lo gama likwaphezulu inani lemibuthwana yabahlali ezakungenela olu lonyulo.

Umbutho wabahlali baseSterkspruit iSterkspruit Civic Association uzakumisela umqulu wawo wezithembiso zonyulo namhlanje kula dolophu. Lo mbutho uzakungenela ulonyulo ngeenjongo zokuba ulawule umasipala waseSterkspruit ukuze kulawule intando yawo kule ndawo. Ngenxa yokunganeliseki yindlela oqhuba ngayo urhulumente we- ANC abahlali baseka lo mbutho kwaza emva koko kwalandelela iziganeko zoqhankqalazo olalukhatshwa bubundlobongela kula dolophu nomasipala waseSenqu.

Idolophu yakuKomani iphakathi kweedolophu ezinamalungu athe azigqatsa njengabagqatswa abazimeleyo kulonyulo lomasipala oluzayo phantsi kombutho we- Independent Rate Payers Association. Ingxelo yalo mbutho kuzwelonke ithi abagqatswa babo abazimeleyo bazakukhokela oomasipala kwiindawo ezahlukileyo zelizwe ngeenjongo zokutshintsha iimpilo zabantu. Kumasipala waseBuffalo City eMonti ngabantu abangamashumi amabini anesine abebengamalungu eANC abathe bafaka amagama abo kwikomishini ezimeleyo yonyulo besithi bafuna ukungena njengabagqatswa abazimeleyo kolu lonyulo.

Uninzi laba bantu baphuma kwimibutho emikhulu efana neANC, kwaye oku kulindeleke ukuba kuphungule inkxaso yale mibutho. Abahlali bomasipala waseAlfred Nzo kutshanje bamisele umbutho obizwa ngokuba yiAbantu Democratic Revolution ngeenjongo zokuba bazimele bengaxhomekekanga kumbutho wezopolitiko.

Bonke abantu abazakuxhasa abanyulwa abazimeleyo kulindeleke ukuba balithobe ngamandla inani lemibutho ekukudala iqhuba ulonyulo. Iinkokheli zeIndependent Rate Payers Association zithi azithandabuzi ukuba lizakukhula inani labantu abaxhasa abagqatswa abazimeleyo. Ukukhula kwenkxaso yale mibutho nabantu abazimeleyo kubonakalisa ukuba indlela ebonwa ngayo imibutho yezopolitiko iguqukile kweli loMzantsi Afrika.