Likwezimnyama ipolisa elithenge idokethi!

Ipolisa lesikhululo saseNew Brighton eGqeberha lilindele umhla wokuvela kwakhona kwinkundla yamatyala emva kokubanjwa kwalo, libanjelwa ukufuna ukuthenga idokethi elineenkcukacha zetyala lokubulala kumchuphi wetyala.

Ngokwengxelo ephuma kuColonel Priscilla Naidu, ipolisa elibanjiweyo nguWarrant Officer eNew Brighton. Livelile ngoMvulo kule veki enkundleni ze ityala lamiselwa uMvulo weveki ezayo neza kube ingumhla wesihlanu. Ngolu suku eli polisa liza kube lifaka isicelo sebheyile enkundleni.

UNaidu uthi ngoLwesihlanu kwiveki ephelileyo, uWarrant Officer ucele umcuphi ophanda malunga netyala lokubulala ekubeni amnike idokethi aliphandayo, uza kumnika imali. Umcuphi akavumanga koko wayichaza ngaphambili kwabakhulu, laze eli polisa labanjwa ngeCawa.

UMkomishinala wamaPolisa eMpuma Koloni, uLieutenant General Nomthetheleli Mene, usikhalimele kabukhali esi senzo senziwe leli polisa.

UMene uthi esi senzo sikhangeleka njengeso sinzima kwaye nesingcolisa igama leSebe lesiPolisa.

“Kudala sisitsho, siphindaphinda ukuba namapolisa awekho ngapha kwengalo yomthetho, sizimisele ukususa ubuqhophololo nolwaphulomthetho neengcambu zawo. Amapolisa athe akhetha ukungahoyi imimiselo nemiqathango aza kubanjwa ajongane nengalo yomthetho,” utshilo uMene.