Likwimeko embi ithala lencwadi eDutywa

Sele ilikhulu leminyaka simile isakhiwo sethala leencwadi saseDutywa nanjengoko sathi sakhiwa ngonyaka ka1918 njengomthombo wolwazi ngokufunda iincwadi.

Esi sakhiwo sibonisa ukungakhathalelwa ngurhulumente nanjengoko simbatshile kumbala wepeyinti endala, ingca ikhule phezu kwendlu kumsinga wokuhambisa amanzi.

Le yiveki yokunika imbeko amathala eencwadi kwihlabathi, uMzantsi Afrika uyinxalenye yoku ngeenjongo zokukhuthaza ukusetyenziswa kwala mathala.

UNcumisa Ntlanga uyangqina ukuba eli thala alikhathalelwanga ngumasipala okanye urhulumente weMpuma Koloni.

“Ngenxa yokuhamba nzima sikhe savala iingcango asasebenza ukusuka ngo2013 ukuya ku2015, ingxaki yayikukungabikho kwamanzi nombane ngenxa yokusilela kula masipala,” uthethe watsho uNtlanga.

Ingxelo kaNtlanga ithi imali esuka kwiSebe leMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko ingena kwamasipala ukuze kamva igqithiselwe kumathala eencwadi.

“Ngeli xesha besivale ngalo apha eDutywa saye sathunyelwa kwezinye iindawo ukuba siqhubeke sisebenza, sisola umasipala thina ngokuba nguye onikwa imali yethu aze ayithumele kwezakhe iingxaki ingasincedi thina singamathala eencwadi,”uthethe watsho.

Eli thala leencwadi liphantsi kolawulo lomasipala waseMbashe. Maninzi amathala eencwadi akwimeko engekho ntle kweli phondo ngokusilela kwezakhiwo okanye iincwadi ezingekho mgangathweni.

“Kwicala leencwadi ndingatsho ukuba asinayo ingxaki noko incwadi zethu zihambelana namaxesha, asikhali kweli cala leencwadi ezifundwa ngabantu abahambela ithala lethu,” utsho uNtlanga.

Isebe lemidlalo, inkcubeko amasiko nezithethe liqhube umbhiyozo wokunika imbeko amathala eencwadi kwidolophu yaseGraaf Reinet. Othethe egameni lesebe uAndile Nduna uthi bakhethe idolophu yaseRhafu ngenjongo.

“Sithathe isigqibo sokuba sihambele ezi dolophu zisemacaleni, injongo kukukhuthaza uluntu ukuba lufunde iincwadi ngokusebenzisa amathala eencwadi akhoyo kwiindawo zabo.” Uthi bayavuya ngumsebenzi owenziwa ngamathala eencwadi kweli phondo ukuza kuthi ga ngoku.

“Ngokukodwa apha eRhafu sifumanise ukuba kukho amaqela okufunda iincwadi nenkqubo yokufundwa kweencwadi ngokusebenzisa ubuxhakaxhaka bala maxesha, siyavuya ngenxa yoko,”utshilo uNduna.

Uthi abangeni ndawo kwimicimbi yezakhiwo akuzo la mathala eencwadi.

“Lisebe lemisebenzi yoluntu elijongene nezakhiwo akuwo la mathala, owethu umsebenzi kukufaka iincwadi nokubaxhasa.”

Ukusukela ngomhla weshumi elinethoba kule nyanga kude kube ngumhla wamashumi amabini anesithathu kuqhutywa isikhumbuzo samathala eencwadi kuzwelonke.