Likwiphulo lokuvuselela isidima salo ikomkhulu lamaNdlambe

Ikomkhulu lamaNdlambe iFort Murray eNdevana phantsi koNkosi Andile AA! Mhlanganisi Makinana likwiphulo lokuvuselela isidima salo nanjengoko le Nkosi ilungiselela ukuthatha isikhundla sikayise.

Esi sizwe sidibanise bonke abantu bela komkhulu iFort Murray ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe ngeenjongo zokwazisa le Nkosi kubantu bayo. UNkosi Andile Makinana ungena ezihlangwini zikayise ongasekhoyo uNkosi Daliwe Makinana (AA! Zwelivuziwe) nje- ngentloko yeeNkosi zamaNdlambe. UNkosi Daliwe Makinana ubhubhe kwinyanga kaOkthobha kunyaka ophelileyo eshiya esi sikhundla kunyana wakhe uNkosi Andile Makinana.

Othethe egameni leli komkhulu uNkosi Mthuthuzeli Makinana (AA! Zweliyadinga) uthi bajonge ukuqalisa iinkqubo ezahlukeneyo zela komkhulu. “Sijonge ukuphuhlisa esi sizwe ngeendlela ezahlukileyo, kwaye sinqwenela ukuba sihambe kunye nesizwe kuloo nkqubo singenzi ngaphandle kwabantu,”utshilo uMakinana. Lo kaMakinana uthi bajonge ukuphucula ngamandla indlela elisebenza ngalo eli komkhulu ukuze kamva kuphucuke iimpilo zabantu. “Sifiuna ukubeka ikomiti yekomkhulu ezakuqinisekisa ukuba zonke iiNkosi eziphantsi kweli komkhulu ziyawenza umsebenzi wazo, zinxibelelana neNkosi yazo, uNkosi Andile Makinana,” utshilo uMakinana.

Le ngxelo ithi, ukumiswa kwezi komiti kuzakulandelwa yintsebenziswano namasebe karhulumente kunye nemibutho yabahlali. “Sijonge ukusebenzisana noSANCO, ooceba, inkokheli zasekuhlaleni, ezopolitiko kunye namasebe karhulumente sikhangele ukuba singancediswa njani ukuze sikhulise ezi lali,” utsho uMakinana.

Uthi bafuna ukucela urhulumente ukuba abancedise ukukhangela iinkqubo ezinokuhambelana nemeko yentlalo yalalali ukuze kuqaliswe ukuphuhliswa kwabantu besizwe samaNdlambe. “Sikwancwase ukusebenzisana neenkampani zabucala ukuze sincediswe ukuphuhlisa ezi lali ngeendlela ezahlukileyo ukuze kuphucuke ubomi babantu bakaNdlambe,” utshilo. Eli komkhulu lingumahluko kwamaninzi athi abenengxaki emva kokubhubha kweNkosi endala, ingakumbi xa kufuneka kungene unyana wayo okanye ibambela layo.

Le nkosi ayikayinikwa ngokusemthethweni ingubo yayo yobukhosi nanjengoko kuqhele ukwenzeka xa kuthe kwabhubha iNkosi enkulu, kodwa akukho ngxaki namibuzo ngokuthatha kwakhe ingubo kayise. Eli komkhulu likhokhele iilali eziquka iMooiplaas, Qumrha, Nxarhuni, Mpongo, Gompo, Potsdam, Bhongweni, Tinarha, Sunny South, Kids Beach, Ngqushwa-Tyefu, Port Alfred, Cawa kunye nengingqi yase- Rhini.

Isizwe samaNdlambe sesinye sezizwe ezihlonitshiweyo kwizizwe zakwaXhosa ngenxa yobunganga baso kwimikhakha eyahlukeneyo, kwimfazwe nakulawulo lesizwe ngokubanzi. AmaNdlambe aqhube lo msitho engqungqa ngengoma nezidlo ezahlukileyo ngethuba kugaleleka uNkosi Andile Makinana ephahlwe ngooyisemncinci.