Lila lizwe lobusi

Vuka; vuka Shakespeare usixelele: kaloku sikweli lizwe; apho ukhona uqhwatyelwa izandla. Wakuthi wenza okuhle, amaxesha amaninzi, uzicandela umgala-gala.

Okokuba ngaba kwakukubi kanje ngexesha likaMacbeth, mhlawumbi uShakespeare ngethetheleleka. Kodwa apha kwakungumama eyala unyana wakhe ukuba azondelele okuhle, noxa ngoko babegutyungelwe lilifu elimnyama. Kufanele kube njalo kakade. Abazali kufuneka babengumzekelo omhle ebantwaneni. Kananjalo uMongameli Wesizwe kufuneka abengumzekelo kubantu abakhokeleyo.

Esakutenxa, oko kutenxa kufana nomhlaza odla esiqwini sesizwe, icace gca loo nto. Okungacaci ncam kukuba, oko kutenxa kuzibonakalisa ngeendlela ngeendlela kwisizwe asikhokeleyo. Ingaba utata olinxila ulindele ukuba bonke abantwana bakhe, amakhwenkwe namantombazana, xa betenxa nabo babengamanxila phambi kokuba avume ukuba ubakhokelele eliweni? UNotshe, nditsho mna.

Yiyo loo nto abantu abaninzi, abakaKongolose nawamanye amaqembu, besithi noko uMongameli ungumzekelo ombi. Ingengakuba wonke umntu uza- kumfuza ngokwakha iNkandla aphinde athi akenzanga nto. Ingengakuba wonke umntu uza- kubekwa amatyala aluthotho, suka azintwanise. Ingengakuba wonke umntu ngenkanikazi uza kujongana nePalamente phezu kokuba iNkundla Yomgaqo-siseko imgwebile; aphinde abone isiphene kwabo bamkhwebayo. Ingengakuba wonke umntu, ngokuzithemba okukhulu, uzakuthi iAfrika ililela intswela-mbeko yethu sonke ngaphandle kweyakhe. Hayi! Ukutenxa kwesizwe kuzakuzibonakalisa ngezigila-mkhuba, urhwaphilizo, ukukhonza imali ngaphezu kwesazela, imfundo engekho mgangathweni kunye neziqhamo zayo, ukumitha kweentsana, owohloko loqoqosho, njalo-njalo ke. Ebuyanisweni, sekukho umzila kwilizwe lam lobusi nobisi, obonisa ukuba rhoqo etyholwa ngezigigaba uMongameli wam, kumanxa eya eba yintandane.

Loo nto ithethe ukuthi kwabayifunde bayityekeza, kufuneka agile imikhuba ngakumbi ukuze abeyintandane nangaphezulu. Masibeke ingca kuloo ndawo. Zange kwimbali yombuso weloMzantsi kuthethwe kangaka, ngabantu abangaka, ngomtu omnye jwi. Yiva ke, nam ndiyatenxa ngoku ngokungavumi ukuba ndicaphula kubuciko buka- Winston Churchill! Eneneni le mbalelawno ingombutho wam, uKongolose wam.

Umbutho owatyumba uMongameli wam. Ndikhumbula kakuhle ukuba ngamasebe alo mbutho, hayi isiGqeba esiLawulayo, hayi iziPhatha-mandla eziThandathu; awathi ngoncinti-ncinti bamenyula uMongameli wam ePolokwane ngo2007. Ndim owamenyulayo. Ndamenyula ngokwasemthethweni, okuthi nabo bathi ngendandijonge imfundo yakhe kuqala, nje- ngaseMelika, bayaphazama. Ukuphikisana nale nkungu nelanga eyamenyulayo, kwenzeka ntoni ngoku busakuthandabuzeka obo bukrele-krele bokumenyula?

Ihlokondiba elikuma-250 lamalungu ePalamente amele uKongolose livota egameni lethu lisithi “akukho apho ayakhona”. Phela-phela ngantsomi! Uyabona ke aba ziinzwana noonyawo-ntle; iikumkanikazi nooNobuhle; iinkosi neenjoli zezwe lethu esazinyulayo. Kuthiwe ke, kuba kufuneka zivote ngokufanayo, mazicinge ngokufanayo. Libala ngePalamente; kha ufan’ujonge amaNina kaKongolose.

Wayenyanisile uShakespeare xa athi: ubomi——sisidengana somdlali ozitshaya phambili okwekati etsh’icala okwethutyana, ‘ze kungaphinde kuviwe nto ngaye. OoMama bezwe lethu, bengakhange babonise kuziphonononga izityholo abekwa zona uMongameli wam, baphuma nelithi akayi ndawo. Oomama baziwa ngenimba nonakano. Basazi sonke sisesefukwini. Kodwa kule ngxuba-kaxaka akubangakho nto ithi mabakhe beve izimvo zabantu phambi kokuba bathathe esi sigqibo.

Akubangakho nto ithi balawulwa ngamasebe abo, ngoko isigqibo ma ibe sesawo. Mhlawumbi ke ngesafobe, eyona nto ithethelela amaNina ngokungabi nanimba kwawo kukuba nalu nolutsha, ngokucacileyo iSASCO yakwaZulu-Natal, ingenelela. Ixhasa amalungu ePalamente akuKongolose, bakwenza oku kungekabhengezwa ukuba le nyewe makuthiweni na ngayo. Ulutsha likamva lesizwe, le yinyaniso yanaphakade.

Nanku ke umbuzo umi wodwa emnqamlezweni: ingaba ulutsha lusithembisa ukuba, bona besakuphatha, baya kwenza nje-ngoMongameli wam? Lutsha ndiyazingca ngani; kwaluphala ndikwenyany’egazini, kwatsho ongaziwayo. Okanye ke siphindele kumaxesha kaJolobe xa athi ungqino lwempazamo lugqib’othingazayo, afulathel’ingqiqo ngelize.

Le ntetha uJolobe wayitsho xa ekhuza amampunge kaNongqawuse eyenza kwabulawa zinkomo zethu; kwatshiswa masimi ethu. Kodwa ke akulahlwa mbeleko ngakufelwa. Kwelinye icala sibona amagqala kaKongolose ebonisa, ngezizathu, ukuba lifikile ixesha lokuba uMongameli wam makarhoxiswe. Bamthelekisa nooMongameli

bakaKongolose bangaphambili, bagqibe kwelokuba simkhanyele isikali. Impendulo abayizuzayo? Yimpoxo ekwenza uthandabuze ukuba la magqala akhe ahlonitshwa nyhani-nyhani. Kwenzeka ntoni kubuciko obuthi: ilizwi lomntu omdala alidliwa mpuku? Ke sona isifundisi uyasibona ngoku awusiboni ngoku, kanye okwembulu makhasana yasentsomini. URhulumente kaKhongolose uyasifuna isifundisi ngoku; aphinde kwayena angasifuni kwangoku.

Kukangaphi sisiva uRhulumente ebongoza isifundisi okokuba sincedise ekulweni ubugebengu nezinye iziphene zoluntu? Kufanelekile ke phofu, kuba umsebenzi kaThixo uphaya kwiindawo zemidlalo, kwizikroxo, ekhandleleni, koonoteksi. Kodwa kwa esi sifundisi, xa sibonisa uRhulumente indlela yokuziphatha nokuphatha ‘ze kufezekiswe umsebenzi kaThixo, suka sikhonjiswe umnyango wecawa.

Noko malibe linye ziNkosi. Upolitiko nokholo ngumgubo wengxowa enye, ngeke uwele. Buza kuKarl Marx, kuthi ukuba ukude ngomgama nangexesha, ubuze apha kuFather Smangaliso Mkhatshwa. Ingothusi ke loo nto yokuba uArchbishop Desmond Tutu owavuma wathi uzakuyithwala le vangeli, xa ekhalima ngelizwi elibukhali esithi: “wena [Zuma] noRhulumente wakho animelanga mna.

Nimele iziqu zenu.” Kungoko ke iluluvo lwam nene ukuba uKhongolose kufuneka azihlambulule singekafiki kuloNyulo Lwezasemakhaya. Ukukufeza oku, singathethanga nangohlobo lwesici nje, kufuneka sicele uxolo kubantu baseMzantsi Afrika ngenkxaso esiyinike uMongameli wethu. Sakukwenza oku, nabantu abasele bemsingele uKhongolose baya kubuyela ekhaya.

UNjingalwazi Mncedisi Jordan wayehlohla izifundo zengxelo-zimali kwiYunivesithi yaseFort Hare neyaseWalter Sisulu. Ngoku unomdla kuphando lwemveli yakwaNtu.