Lilizela mlilizeli!

Xa utyelele ezinye iidolophu uye ukhangele indawo yokulala enjani? Efikelelekayo okanye enesiphatho nesihoyo esihle?

NgoLwesihlanu wale veki iphelileyo bekubanjwe amawonga ezokhenketho eLilizela eMonti nalapho umphathiswa wesebe lezimali nokhenketho, uSakhumzi Somyo akhuthaze oosomashishini kwezokhenketho ngala mazwi, “Nini abanyusa ezoqoqosho kweli phondo. Ukuba iinkonzo zenu zisemgangathweni siye sifumane abatyeleli abongezekeliyo. Sithembele kuni!”

Gqaba gqaba, kuluhlu lweehotele nazi ezinkqenkqeze phambili:

Kudidi lwenkwenkwezi enye: Road Lodge PE Airport , eBhayi

Kudidi lweenkwenkwezi ezimbini: Town Lodge, eBhayi

Kudidi lweenkwenkwezi ezintathu: Royal Courtyard, Matatiele

Kudidi lweenkwenkwezi ezine: MyPond Hotel, Port Alfred

Kudidi lweenkwenkwezi ezintlanu: Prana Lodge, Cintsa

Kwicala leeB&B kuphumelele ezi:

Kudidi lweenkwenkwezi ezintathu: iRIver Road GuestHouse, eBhayi

Kudidi lweenkwenkwezi ezine: Benri B&B, eMonti

Kudidi lweenkwenkwezi ezintlanu: Lemon Tree Lane B&B

Ezinye iziphumo zala mawonga kunye neendlela zokungenela olu khuphiswa leeLilizela zifumaneka ku

www.lilizela.co.za