Limenywe yi-UN ityendyana laseSajonisi

Ukukhuliswa ngumzali omnye othengisa iziqhamo, ningabantwana abalishumi, kube yinkuthazo kuLizwi Njani, waseMantusini eSajonisi.

Eli tyendyana lineminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27), lizakumela uMzantsi Afrika kwindibano yesixhenxe yehlabathi yeUnited Nations Alliance of Civilizations (UNAOC) . Lo msitho uzakube ubanjelwe eBaku, e-Azerbaijan kwiveki ezayo ukusuka ngomhla wama-25 ukuya kumhla wama-27 kule nyanga.

Umgomo ekuzakube kunyathelwa kuwo kulo nyaka uthi: “Living Together in inclusive societies: a challenge and a goal”. Njengomntu okhulele emaphandleni nakwindawo apho amathuba afumaneka nzima, uNjani uthi ukutyunjwa kwakhe kuzakuba yinkuthazo nakwabanye abantu abatsha, abacinga ukuba abanakufikelela kula mathuba.

Emva kokuphumelela ibanga leshumi ngonyaka ka2008, uLizwi zange akwazi ukuqhubekeka nemfundo enomsila ngenxa yokungabikho kwamathuba okudlula. Eyonanto ayisolayo uLizwi kukungabikho kwabantu abamkhuthazayo, nabamzamela amathuba.

“ Ndaphumelela kakuhle kakhulu, ndabuya no100% kwiMathematika, kodwa akukhomntu wayendikhuthaza ukuba ndingenza njani na ukuze ndifumane amathuba akulandela imfundo enomsila,”utsho uLizwi.

Uthi ngonyaka ka2010 uye wabona ukuba ixesha liyamshiya wazama ngandlela zonke ukuba afumane indawo kwiYunivesithi yaseFort Hare, kwisebe eliseMonti.

“Ndafaka isicelo sokufunda ngomzuzu wokugqibela, ngethamsanqa iziphumo zam zandithethelela ndayifumana indawo, eyonanto ibindityhala ngasemva yimeko endisuka kuyo emva ekhaya, bendizixelele ukuba ndifuna ukuguqula izinto ekhaya.”

Ngo2012, uLizwi uye wagqiba eFort Hare ephumelela isidanga seBCom (Information Systems) nje ngomntu onomdla we-I.T nayo yonke into enokwenza nekhompyutha.

Khange aphelele apho uLizwi uye waqhubekeka wenza isidanga seHonours kwi-Information Systems. Kunyaka ophelileyo uLizwi uye waseka umbutho woluntu, uMthombo weKamva Foundation, onjongo zawo kukuncedisa abantwana abafunda amabanga aphakamileyo ngeendlela zokukhetha amakhono abazakuwalandela nokubanika inkuthazo kwizifundo zabo.

“Indlela endiphoswe ngayo ngamathuba ekukhuleni kwam, ndiye ndazixelela ukuba andifuni omnye umntu omtsha osuka eMantusini aphoswe ngamathuba abe enaso isakhono sokwenza nantoni na,” ucacise watsho uLizwi.

Uthi uyithathele ezandleni zakhe into yokukhanyisela abantu abatsha ngolwazi, ingakumbi abo bahlala kwiindawo ezise- maphandleni.

Mayelana nokutyunjwa kule nkomfa yolutsha ye-UN, uLizwi uthi uye wafaka isicelo ekuqaleni konyaka, kwaye ebengomnye wabantu abatsha abangamawaka amathandathu abafake izicelo kweli loMzantsi Afrika. Isicelo sakhe siye saphuma phambili kuzo zonke, kule veki izayo uzakube eyokumela uMzantsi Afrika emazweni, kwaye kuye oku ingathi kukufezekiswa kwephupha lakhe.

“Ndizakuya pha ndiyokuphakamisa igama labantu basezilalini, ngoba ngabona basithakeleyo kwizinto ezininzi. Ndizakumela abantu abambalwa ababekelwe bucala kwizinto ezininzi. Umnqweno wam kukufunda ukuba amanye amazwe enza njani ukufaka abantu abatsha kwiingxoxo ezitshisa ilizwe ngokubanzi,” utshilo uLizwi.

ULizwi uthi, ukwajonge nokuba enze unxibelelwano oluzakuhlala iminyaka emininzi nabantu abatsha abasuka kwamanye amazwe. “Ndifuna ukukhuthaza kwaye, ndiqwalasele abantu abatsha abanesakhono, nabanxanelwe impumelelo ebomini. Kubalulekile ukuba bayazi ukuba umntu kufuneka akhethe kakuhle iitshomi zakhe, kwaye atshomane nabantu abacinga ngendlela efanayo naye.”

Iindleko zolu hambo ziza- kubhatalwa yi-UN, kwaye liza- kuthatha iintsuku ezintathu. Le ndedeba ngoku iphangela njengomsebenzi osavavanywayo kwiSouth African Sugar Cane Resource Institute, eThekwini nalapho asebenza njenge I.T Developer.

“Ndingumntu onamaphupha kakhulu, kwaye elinye lawo liphendulekile ngoku. Ukuba ndim kuphela ozakumela uMzantsi Afrika kundikhuthaza kakhulu. Ndikhuthazwe kakhulu ngumkhuluwa wam naye owafumana isidanga sokuqala ekhaya,” uvale ngokutsho uLizwi.