Limiselwe unyaka ozayo ityala lootitshalakazi abathathu

Limiselwe umhla wesithathu kweyoMdumba ka2022 ityala lootitshalakazi abathathu abajongene nezityholo zokubetha umfundi oneminyaka elithoba (9) kwisikolo iMqabo P. S eNgcobo.

Aba titshalakazi nguNcebakazi Soyizwaphi (32), Zizipho Maqolo (25) kwakunye noVuyokazi Dyani (35). Bavele enkundleni ngoLwesibini kule veki eNgcobo. Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) uLuxolo Tyali, ungqinile ukuba bavelile kwaye ityala lamiswa, limiselwa uphando. Baza kubuyela kwakhona ngomhla wesithathu. Ababini ootitshalakazi abakabuyeli esikolweni basanqunyanyisiwe njengoko kusenziwa uphando.

Ngokwengxelo yomama wexhoba, umntwana wapakanyelwa ngaba titshalakazi bembetha kuba besithi “ulixoki”.

Umzali uthi umntwana wakhe “wayebethelwa kuba ehambe edumisa kwabanye esikolweni ukuba ubhaqe enye yezi titshalakazi iphuzana nomnye wootitshala esikolweni.”

Umzali womntwana uthi zange abizwe esikolweni, wazibonela xa ebuya esikolweni umntwana ebhonti kukubethwa.

Umntwana wabuyela esikolweni emva kokuba iSebe lezeMfundo ephondweni lingenelele kwaye liqinisekisile ukuba umntwana uza kukhuseleka ngaphakathi esikolweni.

Aba titshalakazi baqale ukuvela enkundleni ngomhla wesine kwinyanga ephelileyo nalapho baye bakhululwa ngebheyile yeR500 umntu emnye.

Umzali womntwana uthi okwangoku umntwana uthi kumnandi njengesiqhelo esikolweni akaziva engakhuselekanga.

Umntwana (9) wenza uGrade 3 kwesi sikolo.