Limisiwe ityala labentsangu eGcuwa

Zithe gqolo iziganeko zokubhaqwa kwabantu beshishina ngentsangu.

Oku kulandela emveni kokubanjwa kukaDumisani Mkhuzangwe (31) kwakunye noZonwabele Gayiza (38) ababanjwe kuMvulo wale veki belayishe iingxowa ezine ezimnyama zikamasipala zentsangu nebebesukoyilanda kwidolophu yaseNgqeleni.

Bashiyeke ngaphakathi eziseleni ngethuba bebevela ngolwesibini ezinkundleni zamatyala eGcuwa.

Isithethi samapolisa aseGcuwa neziphaluka uKapteni Jackson Manatha uthi, aba abakhange balinikwe ithuba lokuthetha, kwaye bazakubuyela kwakhona ngomvulo kwiveki ezayo.

Babanjwe kuhola wendlela uN2.