Limisiwe ityala lenkosikazi ebulele enye

Limiselwe umhla wamashumi amabini anesithandathu kule nyanga ityala likaNomfundiso Ngqangashe (40) ongumsebenzi kumasipala wesithili iAmathole nojongene netyala lokubulala inkosikazi ebesebenza nayo kulo masipala.


 UNgqangqashe ubanjwe ngamapolisa kutshanje emva kokoyanyaniswa nesikizi lokubulawa kukaThandi Mlambo (60) abesebenza naye kulo masipala. 


Inkundla yamatyala yaseMonti ilimisile eli tyala ngoLwesine , nalapho uMlambo engakhange avele nokuvela kodwa inkundla yapapasha ukuba abeze kwityala likaNgqangashe limisiwe mababuyele ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kwakule inyanga. 


Uqale ngqa ukuvela kwinkundla yamatyala malunga netyala ajongene nalo lokubulala kwiveki ephelileyo ngoLwesithathu, apho ebebonakala edidekile babe oogxa bakhe bomsebenzi bemxwaxwa besithi “uyazenzisa uneentloni zale nto ayenzileyo ebecinga akasoze abhaqwe”. 


Ukuvela kwakhe kulandela emva kokuba umzimba kaMlambo wafunyanwa kwindawo yokuhlala iimoto ngaphantsi kudederhu lweevenkile iVincent Park Mall eMonti ngomhla wamashumi amathathu kwinyanga yeNkanga kunyanka ophelileyo. 


Ngokwengxelo eyaphuma kunogada owazibonela ngamehlo ngethuba ebalisela I’solezwe, wadiza ukuba umzimba ubonakala ukuba waye watyekezwa ngentseni kuba wawuseshushu.


Awona mahem-hem ngawokuba yimali ambulalele yona. 


Kukwavakala nokuba uNgqangamshe uyampola ngomlomo wakhe ngento awayenzayo.


Usuku lokuxoxwa kwetyala lakhe ngumhla wamashumi amabini kwinyanga ezayo.

Ze elokufaka isicelo sebheyile ngumhla wamashumi amabini anesithandathu kule inyanga.

abongile.ginya@inl.co.za