Limisiwe ityala lika- Panayiotou

Libuyela ngomhla weshumi elinesithandathu kule sikuyo ityala lalowo ujongene nezityholo zokubulala unkosikazi wakhe, uChris Panayiotou ekunye natyholwa nabo abamncedisayo uSizwezakhe Vumazonke kwakunye noSinethemba Nenembe kwiinkundla zamatyala aseBhayi.

Esi sithathu besivelile izolo kwiinkundla zamatyala. Inkundla idiza ukuba uNenembe wancedisa uVumazonke ngethuba bexhwila bebulala uJade (28) nongunkosikazi kaChris bethunywa nguChris.

UJade waxhwilwa kwindawo ama kuyo qho kusasa xa ephangela kunyaka ophelileiyo ngenyanga ka- Tshazimpuzi.

Ityala eli kwinyanga ephelileyo liye lalityaziswa nguNenembe osafuna igqwetha elitsha elizakummela, nayizolo limiselwe ukuba ade abe ufumana igqwetha lakhe.