Limisiwe ityala lodlwengule intwazana yakhe

Limiselwe ungomso ityala lotata odlwengule intwazana yakhe eneshumi elinesixhenxe yakuMfula kuGatyana.

Umrhanelwa (33) nongengotata wokuzalwa (stepfather) kule ntwazana ubevele kwiinkundla zamatyala kuGatyana ngoLwesine weveki ephelileyo malunga netyala eli lokudlwengula.

Umrhanelwa akachazwanga ngegama kuba kusoyikiselwa ixhoba eli. Iingxelo zamapolisa zithi akakhange alinikwe ithuba lokuba athethe oshiyeke ngaphakathi eziseleni nalapho kuzokwenziwa uphando oluphangaleleyo ngamapolisa.

Umrhanelwa ubanjwe kwiveki ephelileyo emveni kokudlwengula intwazana le nalapho aye wayitshixela kwigumbi lokulala ngethuba unina wakhe engekho.

UKapteni Manatha utsho.