Limisiwe ityala loosopolitiki ababini

IINKOKELI zeANC kwingingqi Umzimvubu zintyumpantyumpeka ematyaleni emva kokutyholwa ngokubetha nokudlakathelisa owasetyhini.

Unobhala wolutsha kumbutho iANC uHappy Ngqasa (35) nogxa wakhe uMthobeli Ngcingwane (36) bavele phambi kwenkundla kamantyi phezolo (ngoMvulo) ze lamiselwa uLwesithathu ityala ukuze umtshutshisi aqokelele ubungqina alungele ukuqhuba netyala.

Esi sibini sityholwa ngokubetha nokubetha ngenjongo yokonzakalisa inkokeli yeSouth African Youth Council (SAYC), uAyanda Mafunda (31) nelungu lolutsha kwi ANC uMzukisi Ntuthu (33) ebutsheni balo nyaka kwintlanganiso yolonyulo yeSAYC eyayibanjwe kwiholo laseMzimvubu. Baxelela inkundla ukuba abanatyala.

Ethetha nentatheli emva kokumiswa kwetyala uHappy Ngqasa uthe: “Asonwabanga yindlela eliqhuba ngayo ityala kuba kuzindleko kuthi ukubhatala amagwetha, kwaye nawo asuka kude. Asisiboni isidingo sokumiswa kweli tyala izihlandlo ngezihlandlo ngaphandle kokuba kukhona unyawo lwenfene ke.”

Omele abamangalelwa uMatthews Mphahlwa uthe kuyamdanisa ukumiswa kwetyala okwesibini kususela ethathele kuye iintambo, kuba kuyinkcitha xesha kubamangalelwa kunye nabezomthetho abachaphazelekayo.

Uthe kuninzi ebebenokukwenza ngeli xesha bemana ukuzojika kwinkundla yamatyala.

Ngaphambili abamangali baxelela inkundla ukuba uHappy Ngqasa waqala udushe ngeenjongo zokumosha intlanganiso kuba kukho ukungavisisani ngabonyulwa ababephakanyiswa ngexesha lentlanganiso ze wangenelela uMthobeli esonda ngoMzukisi ongummangali wesibini kweli tyala.

isibhalo@inl.co.za