Linconywe ngomsebenzi walo ilalela lepolisa

UConstable Tshiamiso Tomodi uphumelele iwonga njengelalela lepolisa elitshatsheleyo kunyaka ka2016 umfanekiso: Siyanda Zakhe

UKUBA lilalela lepolisa asingomsebenzi unokuzikhethela ngothanda kuba akukho mali igunyazisiweyo ozakuyihlawulwa.

Kodwa kukho amagorha athile okuhlala aye athabathe lo msebenzi wobulalela-polisa (reservist) bebeka ubomi babo esichengeni ngeenjongo zokukhusela abemmi baseMzantsi Afrika.

Kwabanjalo ke nakuTshiamiso Tomodi ongumcoci-sikhululo kwanelalela-polisa eNgangelizwe eMthatha. UTomodi wangena kubulalela-polisa emva kokuba iinquleqhu zakhe zokufunda kwiYunivesithi iWalter Sisulu eMthatha zatshabalala kwakunyaka wokuqala ngenxa yokunqongophala kwemali kusapho lakhe.

Ukusebenza njengelalela-polisa kufana twatse nepolisa elisisigxina, umahluko nje kukuba amalalela-polisa akahlawula – anikeza iinkonzo zawo simahla – ngokokutsho kukaTomodi.

Ngenxa yomsebenzi wakhe wokusebenza nzima nokuzinikezela, uTomodi uthe wawonga njengelalela-polisa elitshatsheleyo eMpuma Koloni kunyaka ka2016 kumsitho obubanjelwe eMonti kwiveki ephelileyo.

Ewongwa nje kungenxa yobugorha awabubonakalisa kwinyanga yeThupha nyakenye apho lo kaTomodi wathi wasabela kwikhwelo malunga namadoda amathathu awayephanga ivenkile yamaPakistani eNgangelizwe. “Ndafika ndabamba indoda yanye, amanye abaleka, kodwa ndaphinda ndawabamba kamva amanye amabini.

“Le ndoda ndandiyibambe kuqala yandixelela ukuba ingandinika amawaka amathathu eerandi (R3 000) xa ndingayinika umpu wayo, nayo ikhululwe, kodwa ndala kwesi sinyobo,” utshilo uTomodi

UTomodi, okwinqanaba lobuConstable uneminyaka elishumi elinesine kwisipolisa soMzantsi Afrika. Le ndoda ithi umama wayo yinzalelwane yaseWitbank eMpumalanga logama utata wayo engowaseVryburg eMntla-Ntshona.

Umkomishinala wamapolisa aseMpuma Koloni uLieutenant General Liziwe Ntshinga uthi la mawonga ngawokukhuthaza amalungu esipolisa ephondweni ukuba aqinise nangakumbi kumsebenzi wawo.

Ukuva ngabanye abaphumelele kula mawonga tyelela ku www.iol.co.za/ilisolezwe.