‘Lindilale ndingafuni’ igosa likamasipala

“KWAKUSEKUZENI kusa ngethuba endilala ngenkani, kulandela ukumsokolisa kuba ndingakulungelanga ukwabelana ngesondo naye.”

Eli libango lentwazana eneminyaka elishumi elinesibhozo yaseNgcobo, etyhola igosa eliphezulu kumasipala waseNgcobo “ngokuyiqhatha” eyiqhubezela ekwabelaneni ngesondo.

I’solezwe liyalazi igama leli gosa kwaneli lale ntwazana, kodwa ngenxa yobucekeceke bomcimbi asizukubadiza.

Kutyholeka ukuba senzeke kunyaka ophelileyo. Le ntwazana ibifunda uGrade 12 kwesinye sezikolo zseNgcobo kwaye ibanga ngelithi yaye yakhulelwa emva kokuba yabelane ngesondo neli gosa.

Le ntwazana ithi yayizinxibele iyunifomu yesikolo ngethuba idibana neli gosa edolophini eNgcobo.

“Sadibana kwaSpar, eNgcobo, kunyaka ophelileyo sanikana iinombolo, emva koko sabana sifowunelana. Ebebane endipha imali, iAirtime, iPizza ngamanye amaxesha uKFC.

“Lonke eli xesha kusenzeka oku, bendinayo ingcingane yokuba undiqhubezela ekubeni ndabelane naye ngesondo, kodwa bendiyazi ukuba andikakulungeli oko,” itsho le ntwazana.Ichaza ngokwenzayo ngobuya busuku, le ntwazana ithe: “Waqasha iBed and Breakfast edolophini eNgcobo, wafowuna esithi mandiye kuye. Emva kokuba sisokolisene, wade wabe kanti uyandilala ngenkani ekuzeni kokusa

“Zange ayisebenzise ikhondom. Wavuka ekuseni wagoduka, wandishiya neR150.

Ndavuka ndaya esikolweni, yabe intliziyo yam ibuhlungu,” kubanga le ntwazana.

Uthi emva kokuba bebelane ngesondo, eli gosa labangathi aliyazi le ntwazana.“Wayebane engafuni ukuthetha nam, de watshintsha nenombolo ebendifudula ndimfumana kuyo,” itsho le ntwazana.Le ntwazana ithi yaqaphela ukuba ikhulelwe emva kokulala neli gosa.

“Nguye owandimithisayo kuba akekho omnye umntu endandiye ndabelana naye ngesondo ngeza ntsuku. Kodwa ngenxa yokuba bendingafuni mntwana wodlwengulo, okanye ongazukufunwa ngutata wakhe, ndaye ndagqiba kwelokuba ndikhuphe isisu,” kubanga le ntwazana.

Le ntwazana ithi yalixelela eli gosa ukuba iphatheke kakubi yinto eliyenze kuyo.

“Ndamxelela ukuba ndiza kummangalela kuba ulele nam ndingafuni. Wandiphendula ngelithi elo tyala lam asokuze lihambele ndawo kuba unootshomi abangamapolisa eNgcobo.”

“Ndiwubikela I’solezwe nje lo mba kukuba ndifuna namanye amantombazana aselula ukuba alumkele izehlo ezifana nesi sindehleleyo,” kutsho le ntwazana.

Eli gosa likukhanyele oku emva kokutsalelwa umnxeba liphephandaba I’solezwe.

“Andiyazi le nto uthetha ngayo, futhi andizukuyiphendula,” litshilo eli gosa labe sele libeka phantsi umnxeba.

Ngenxa yokukhulelwa nokuqhomfa isisu, le ntwazana ayikhange imgqibe uGrade 12 nyakenye. Ayikabuyeli nangoku esikolweni.