Lingaqala nanini utshutshiso ngakumfama owangcwaba umsebenzi

KAPA: Kulindeleke ukuba ingxoxo eziphambi kokuxoxwa kwetyala ziqhube kwinkundla ephakamileyo yeli phondo leNtshona Koloni ngakumfama otyholwa ngokubulala angcwabe umsebenzi wasefama. UMartin Visser ubevele ngokufutshane kwinkundla kamantyi yaseVredendal ehamba negqwetha lakhe elitsha uWilliam Booth, nalapho ityala limiselwe umhla weshumi elinesibini kuCanzibe kwinkundla ephakamileyo yephondo.

Inkundla yaseVredendal idize ukuba inkundla ephakamileyo yephondo ikulungele ukuba kungaqalwa utshutshiso ngakuVisser kwinyanga yeSilimela, kwaye okaVisser uzakulindela kwintolongo yase Vanrhynsdorp.

Lo utyholwa ngokubulala umsebenzi wasefama uAdam Pieterse ngenyanga yoMdumba kunyaka ka2015, kulandela ukunyamalala kwalo msebenzi isithuba seveki eziliqela phambi kokufunyanwa komzimba wakhe kwingcwaba elikwifama katatomkhulu kaVisser.

Kwisithuba senyanga ezilishumi elinesibhozo wafunyanwa lo mzimba, wathi wabanjwa uVisser ngezityholo zokuxhaphaza nokubulala. Kukholeleka ukuba umrhanelwa wabulala ixhoba enemali amtyala yona nanjengoko wayethengisa umdiliya omfaxangiweyo kubasebenzi bale fama.

Inkundla kamantyi yaseLutzville yathi yamalela ibheyile umrhanelwa, umantyi uCyril Kroutz esithi “awundinikanga zizathu zibaluleke ukogqitha ezo zosapho lwexhoba.

Akukho zimeko zingaqhelekanga zichaziweyo ezingabangela ukuba le nkundla ikunike ibheyile.”

Isigqibo senkundla sathi samkelwa ngezandla ezishushu ngamalungu ombutho olwela amalungelo abasebenzi basezifama.

Inkokheli yalo mbutho uBilly Claasen wathi “Isigqibo senkundla yimpumelelo kubasebenzi basezifama abasoloko bexhatshazwa ngabaqeshi babo.

Isiganeko esenzeke kuPieterse besingafanelekanga kwaye sisenzo sobugwala. Kusekuninzi ekufuneka sikwenzile ekulweleni amalungelo abasebenzi fama, siqinisekisa ukuba bahlala nangendlela efanelekileyo.”

Ukwathi “isigqibo sokwalelwa kwakhe ibheyile uVisser sichaza ukuba ekugqibeleni ide yaqapheleka into yokuba ubomi babasebenzi zifama nabo bubalulekile.”

Inkundla ephakamileyo yephondo sele imisele neentsuku ekulindeleke ukuba kuqaliswe utshutshiso ngakuVisser kwinyanga yeSilimela.