Lingcwatywe ngesidima ijoni lomzabalazo

Emva kweminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) waswelekayo uMonwabisi Bonile Ntshinka oyinzalelwane yase Ngcobo, amathambo akhe abuyele ekhaya, angcwatywa ngesithozela.

UNtshinka wazibandakanya nomzabalazo ngethuba engumfundi kwiYunivesithi iFort Hare eDikeni ngo1978, waza wabhacela kumazwe aliqela phambi kokuba asweleke kwingozi yemoto ngonyaka ka-1988 eswelekela eZimbabwe.

La mathambo abuyiswe ngokusesikweni ngumphathiswa wezemidlalo ubugcisa nenkcubeko ephondweni uPemmy Majodina nobengomnye wabantu abathe bawaphuthuma kwilizwe laseZimbabwe ekunye namagosa akhe nosapho luka Ntshinka.

Ethetha kulo mngcwabo uMajodina uthe: “Singama-Afrika sikholelwa ekubeni umntu alandwe angcwatyelwe kwikhaya lakhe ukuze usapho luxole.” Angamashumi amabini anesine amangcwaba amagqala omzabalazo aseZimbabwe, yaye umphathiswa uthi kuza kwenziwa iinzame zokuba babuyiswe nabo. Kuza kunikwa amajoni oMkhonto Wesizwe amagama ala mangcwaba ukuze bajonge abo babaziyo ukuze bagoduswe ngendawo zabo nanjengoko uninzi lwaye lwatshintsha amagama ngenxa yeemeko ababedibana nazo ngelo xesha.

Usapho luka Ntshinka besele lunikezele lingenalo ithemba lokuba angabuyela kweli lizwe amathambo akhe emva kwale minyaka aswelekayo. UNontsapho Ntshinka ongumama ka Monwabisi uthethe wenjenje: “Namhlanje i-Afrika ibuyile ibuye nonyana wam, andinawo amazwi oneleyo ukuveza uvuyo endinalo kwaye ndibulela kakhulu kurhulumente olawulayo ngoncedo lwakhe.”

Unobhala wombutho we-ANC ephondweni * -Oscar Mabuyane ubengomnye wabazimase lo mngcwabo nalapho athe urhulumente olawulayo uzimisele ukunceda amajoni eMK ngezibonelelelo zezindlu.

Ukwathi baza kusebenza nzima ukubuyisa nabanye abaswelekela elubhacweni ukuze baze kulala kwilizwe labo elikhululekileyo. Uvale ngelithi: ‘’Abantu bangacinga ukuba urhulumente unceda kuphela abombutho we-ANC, wonke umntu nokuba ukomphi umbutho uza kulufumana uncedo ngesizalwane sakhe esangcwatyelwa kwelinye ilizwe i-ofisi yam ihlala ivuliwe.’’