Lingumzekelo omhle ikomkhulu laseSundwane

Uninzi lweeNkosi zeMpuma Koloni zisoloko zikhala ngemali nezixhobo ezingekhoyo ukuze kwenziwe iinkqubo zophuhliso kula makomkhulu. UNkosi Zwelinzima Sigidi uqhayise ngomsebenzi wakhe awenzile ngethuba ebekwa esikhundleni sobukhosi.

Eli komkhulu lizinze eSundwane naseXhobo eDutywa lingqinelwa ngamasimi alinyiweyo nezinye inkqubo zophuhliso. Usihlalo wendlu yeNkosi zemveli eMpuma Koloni uNkosi Ngangomhlaba Matanzima uwungqinile umsebenzi omhle owenziwa lelikomkhulu.

“Ndiyaqala ukubona umsebenzi omhle kangaka kuwo onke lamakomkhulu ndikhe ndawabona ngaphambili, kuyacaca ukuba ngenene uwufanele lomsebenzi Tshawe,” utshilo uNgangomhlaba.

Ecacisa ngokusungulwa kobubukhosi uSigidi uthi bebenenjongo enzulu yokuphucula intlalo yabantu babo.

“Lento siyenze sivana ukuba makwenziwe eli komkhulu, sabhalela urhulumente waphendula wasamnkela isicelo sethu. Sinovuyo kakhulu ukuba sithi ngoku sisaphilayo sibe nento esiyenzileyo nathi. Ungathi uyinkosi uzalwe uphinde ufe, kodwa kufuneka wenze into nawe nje Khawulenkunzi Sigidi,”uthethe oko uSigidi.

IKumkani yesizwe samaXhosa uZwelonke Sigcawu, uNjingalwazi Shepherd Mayatula, uGqirha Bevan Goqwana, umphathiswa ojongene nemicimbi yemveli kweliphondo uFikile Xasa, nowezolimo, ukuloba namahlathi kuzwelonke uSenzeni Zokwana noNkosi Mwelo Nonkonyana bebezezinye zezitatanyiswa ebezikhokele kulomcimbi.

OkaZokwana uthe makusetyenzwe kulemihlaba.

“Sinee Nkosi sinomhlaba ngoko ke akukho sizathu sokuba kulanjwe ezilali, iNkosi mazikhokele kuveliswe ukutya baphile abantu,”uchaze oko uZokwana.

Ukanti Nkosi Ngangomhlaba uthi amakomkhulu mawahlukane nokuba asetyenziswe nje ngendawo zokutshutshiswa kwabantu abangenatyala.

“La makomkhulu mawayeke ukwenziwa indawo zokuxhatshwazwa kwabantu, abantu mabangoyiki ukuza kulamakomkhulu ukuze bathethe ingxaki zabo ngoku khululekileyo namakomkhulu,” uthethe oko uNgangomhlaba.

Usihlalo weSundwane Xhobo Agricultural Development Trust uMthiyiseli Ntsabo uthi bayazidla ngomsebenzi abawenza bekunye neli komkhulu.

“Asithethi ngento ezakwenzeka apha sithetha ngomsebenzi esiwenza ngoku sithethayo, sinabantwana abasixhenxe abafunda kwiYunivesithi yase Fort Hare nase Yunivesithi ya Kwa Zulu Natala,” uthethe oko uNtsabo.

Ingxelo ithi ngenxa yoncedo leli komkhulu aba bafundi benza izifundo zenzululwazi kwezolimi, inzululwazi kwezomhlaba ngenjongo zokukhuthaza ulimo kwezilali.

“Lenyama niyitya apha ayithengwangwa isuka kwimveliso zokulima nokufuya okukhokelwe ngumhlekazi nelikomkhulu nize kulimisela apha namhlanje,”utshilo uNtsabo.

Kwinyanga yeSilimela kulonyaka elikomkhulu limisele ngokusesikweni iziko lokondla nokunyanga iinkomo, iigusha kuquka nezinja.

Abathile kulutsha lalendawo bafumene uqeqesho lokulukwa kwemfele ngenxa yoncedo lenkqubo zophuhliso lelikomkhulu.