Balishumi elinesine abakhwetha abathe babhubha eMpuma Koloni ukusukela oko kuqale ixesha lolwaluko lasebusika. Inyanga yeKhala yinyanga eyandulela ixesha lokuvalwa kweli siko kule sizini yasebusika.
Ukubhubha kwabakhwetha abalishuli elinesine ngumahluko omhle kunenani labakhwetha ababhubhe ngeli xesha kunyaka ophelileyo. Kunyaka ophelileyo, ngabakhwetha abangamashumi amabini anesithathu ababhubhe esuthwini kwiMpuma Koloni ngokubanzi.
UMphathiswa uZolile Williams weSebe elijongene nentsebenziswano kuRhulumento nemicimbi yemveli ubongoze abazali noluntu ukuba badlale indima yabo kulwaluko.
“Abazali bayaqhubeka ukuvumela abantwana babo ukuba boluswe ziingcibi ezingekho mthethweni, oku kwenza ukuba kubenzima kumagosa kaRhulumente ukungenelela,” kucacisa uWilliams.
Kwaba bakhwetha babhubhileyo, abathandathu kubo babhubhe ngenxa yokwaluswa ngokungekho mthethweni, logama abasixhenxe bebhubhe ngenxa yokuvinjwa amanzi. Umkhwetha wokugqibela kwaba ubhubhe ngenxa yokutsha ebhumeni lakhe kuQumbu.
“Ngenxa yoku, ndihlaba ikhwelo kubazali ukuba basebenze nzima ukuqinisekisa ukhuseleko lwabantwana babo ngethuba besesuthwini, mabaqinisekise ukuba abantwana boluka ngaphandle kwengxaki,” kutsho uWilliams.
Ukanti usihlalo weContralesa uNkosi Mwelo Nonkonyana uthi unethemba lokuba iiNkosi zingakuphelisa ukubhubha kwabakhwetha esuthwini.
“Sivakalisa amazwi ovelwano kwiintsapho ezibhujelwe ngabantwana, sikwacela uRhulumente ukuba abuyisele eli siko kwizandla zeeNkosi,” kutsho uNonkonyana.
Amaphondo afana neLimpopo noMntla Ntshona angenelele ukuba neengxaki zolwaluko emva kweMpuma Koloni.
Silungiselela ukukhusela indebe yethu kwiWafcon, utsho uDesiree Ellis