Linqunqwe kanjalo ikamva likaNosicelo

EBENAMAPHUPHA okutshintsha imeko yakowabo kuquka nesiqu sakhe ngokusebenzisa imfundo njengesixhobo.

Kule minyaka mine idlulileyo, ebehamba ngemoto iiyure ezintandathu ukusuka eMatatiele ukuya kwiYunivesithi iFort Hare eMonti apho ebesenza khona izifundo zoMthetho.

Unyaka ka2021 ibingunyaka wokugqibela kwizifundo zakhe, into ebiza kushiyeka kukwenza iimfanelo ezenziwa ngumntu oqeqeshelwe ezoMthetho ukuze aqale ukusebenza kweli khondo.

Lo 2021, njengokuba ibingunyaka wakhe wokugqibela kwizifundo zakhe zoMthetho, ithe kanti ngunyaka wakhe wokugqibela kubomi basemhlabeni.

Iqabane lakhe lithe lakumrhanela ngelithi unelinye iqabane lambulala ze emva koko langena kumnatha wonxibelelwano (online) lajonga indlela yokunqumla amalungu omzimba womntu.

Lowo nguNosicelo Mtebeni (23) obulewe liqabane lakhe uAlutha Pasile (25). Bebehlala bobabini eQuigney eMonti.

Nosicelo Mtebeni UMFANEKISO: FACEBOOK

UPasile uvele phambi kweNkundla kaMantyi eMonti ngoMvulo. Xa ebuzwa yinkundla ukuba uyalifuna na igqwetha okanye ibheyile, unikine intloko ngokophawu luka “hayi”.

Alutha Pasile UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso, uAnelisa Ngcakani, uxelele abeendaba ngaphandle kwale nkundla esithi: “Kwinto ayixelele abasemagunyeni uthi into ebangele esi sehlo kukuba eberhanela ukuba iqabane lakhe belikrexeza. Umtyholwa uthi emva kokuba umfi ebuye kwiiholide [emakhaya], uqaphele ukuba wenza izinto ngendlela enomahluko.”

“Umtyholwa uthi ebeqhele ukuyicofa ifowuni yomfi, kodwa izinto ziye zatshintsha akabinazo iinkcukacha zokuvula ifowuni [yomfi]. Ngomhla weshumi elinesithandathu kweyeThupha kulapho iqale khona ingxabano ze emva kobusuku besela [utywala], ngokokutsho kukamtyholwa, umfi uye walala. Umtyholwa uthathe ifowuni kamfi wazama ukuyivula eqweba iindlela zokuyivula de wabe kanti uyaphumelela ekuyivuleni,” kutsho uNgcakani.

“Umtyholwa uthi amarhe wakhe aye aqinisekiswa xa evula ifowuni ze wabona imiyalezo yeli qabane leqabane lakhe kwaneqabane buqu.”

Ngomhla weshumi elinesixhenxe kweyeThupha, kutsho uNgcakani, umtyholwa uthi uye walibuza iqabane lakhe malunga nakubone efowunini ze emva koko baxabana. “Umtyholwa ubanga ngelithi umfi umbethile ze yena wamtyhalela edongeni kakhulu, wonzakala entloko nasebusweni futhi waphuma amagwebu. Uthi uye wasweleka ngenxa yalo nto ze waqala ngesicwangciso sokunqunqa umzimba.

“Eyona njongo, ngokokutsho kwakhe, ibikukogquma isenzo sakhe ukuze angabonwa. Yile nto athi ungene kumnatha wezonxibelelwano (online) ukuze ajonge indlela yokunqunqa umzimba kwanezixhobo ezifunekayo. Uthi uye wakwenza (ukunqunqa) oko ze wahlala neebhegi [ezinamalungu omzimba] iintsuku ezimbini. “Umtyholwa uthi uqaphele ukuba iibhegi zivuza igazi ze wazama indlela yokunqanda igazi. Ngentsasa yangoLwesine (19 kweyeThupha) uye waqala ukukhupha la malungu omzimba endlini,” utshilo uNgcakani.

Ethethela usapho, uSodolophu waseMatatiele, uMomelezi Mbedla, uthi usapho luyaqhuba nokufumana uthuthuzelo ngokomphefumlo.

“NgoLwesihlanu isebe loPhuhliso loLuntu liye lathumela oonontlalontle kusapho lakwaMtebeni eKhaoue eMatatiele ukuze bayokuthuthuzela ngokomphefumlo olu sapho.

“UNosicelo unabazali bobabini. Ungumtwana wesithathu kowabo. Umama wakhe akaphangeli, utata wakhe uthengisa ezitalatweni eMatatiele,” utshilo uMbedla.

UPetros Majola weKhula Community Development uthi “sibindi sini esi anaso uPasile, sokude umntu amnqunqe okwenyama”.

“Ukuba indoda ilahliwe mayilahleke, ukuba udiniwe leli analo ibhinqa makahambe ayokukhangela elinye ingabulali kwaye ingabethi. Kusikhathaze kakhulu oku yanga izihlobo, abazali kwakunye nabafundi ebebefunda naye bathuthuzeleke,” utsho uMajola.

Uqhube wathi njengokuba eli tyala limiselwe into engangenyanga kukuba kufunwa kuthomalale ingqumbo, watsho esithi abazukuthomalala baza kuqhubeka besilwa de libe liqoshelisiwe eli ityala.

Uthi eli idabi alifuni zindibano eziofisini lifuna ukuba abantu baye ebantwini kungenwe ezikolweni kuxelelwe umntwana ngohlobo lokukhula ingakumbi lowo uyinkwenkwe.

Nasekhaya, kutsho uMajola, umntu ongumama makafike abeke izixhobo zomsebenzi anike umntwana uthando.

Uthi umntu owonileyo ingakumbi anje ngala amatyala kufuneka afumane isigwebo esiqatha “anganikwa iminyakana okungathi ube ipoloni”.

Izolo (Lwesithathu), iFort Hare ithe yabamba inkonzo yesikhumbuzo egameni likaMtebeni.

UPasile uza kuvela kwakhona enkundleni ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kweyoMsintsi.