Lintingela phesheya kolwandle igqiyazana laseMdantsane

UThandile Malangeni, Maps Maponyane no Dimakatso Buthane ekunene Umfanekiso: Uthunyelwe

Ayiwuvali umlomo intwazana yaseMdantsane yesikolo iPearson Institute eMonti, ekulindeleke ukuba intingele kwilizwe laseNew York kwinyanga ezayo, apho iza kuba izenzela igama kukhuphiswano lwengxoxompikiswano kwakunye nabafundi kwiYunivesithi iCornell eNew York.

UThandile Malangeni (19) encokola nephephandaba I’solezwe, uthi ukuthanda kwakhe ukuthabatha inxaxheba kwiingxoxompikiswano zange ayazi ukuba kungaze kumnike ithuba elinje.

Uthi yena uyazithandela nje ukusoloko ebanolwazi ngokumngqongileyo.

“Sixoxa ngako konke okwenzekayo xa sikukhuphiswano kuquka ipolitiki, ezemfundo kwanokwenzeka ekuhlaleni ngezinto ezisichaphazelayo.”

UMalangeni uthi sele elilungiselele uhambo lwakhe ekupheleni kwale nyanga.

“Ndizigcina ngokumamela iindaba kunomathotholo ndibukele nomabonakude ukuze ndazi ngokwenzekayo, ndizilungiselele nangomxholo onokuthi gqi kukhuphiswano esiya kulo,” utshilo.

UMalangeni uza kuhamba kwakunye noDimakatso Buthane ukuyokumela iphondo leMpuma Koloni eNew York.

Esi sibini siphumelele kukhuphiswano olwenziwa yiPearson Institute kwikhampasi eseMidrand. Bebephakathi kwekhulu labafundi kolu khuphiswano.

“Ndiyavuya ukuba ndithe ndangomnye wabo baphumeleleyo kukhuphiswano olu. Ndiyakuthanda ukuthetha qabavu esidlangalaleni kwaye okundivuyisayo kukuba ndiza kufunda nangakumbi ngokuxoxa. Oku kukwandifundise nesimilo nohlobo lokujongana nomxholo,” utshilo uButhane.

UMalangeni kwakunye noButhane benza unyaka wabo wokuqala ePearson Institute eMonti.

UMalangeni uphumelele ibanga lakhe leshumi eAlphandale kunyaka ophelileyo apho iqale khona italente yokuxoxa. Bathi kulwazi abaza kuthi balufunxe eNew York bakuthi balusebenzise eMzantsi Afrika.

“Ndiyavuya kwaye ndonelisekile luhlobo abazinabisa ngalo iingcinga zabo abafundi bam. Ndiyavuyisana nabo kakhulu ngokusebenza nzima nangokuzinikela kumsebenzi wabo. Sibanqwenelela okuhle kuhambo lwabo,” utshilo uGqr Nhlanhla Thwala nongumlawuli ePearson Institute.