Imifanekiso ejikeleza kumakhasi onxibelelwano ibonisa amajoni weli loMzantsi Afrika ephakamisa iflegi emhlophe nekuchazwa ziingcali zomkhosi ukuba luphawu lokucela uxolo okanye ukunikezela elutshabeni.
Oku kusemva kokuba linyukile inani lokubhubha kwamajoni weli ukusuka kwithoba ukuya kwishumi elinesithathu.
Amajoni omkhosi wokhuselo welizwe loMzantsi Afrika (SANDF) abambene ngazo neqela labavukeli eGoma iM23 efuna ukulawula ilizwe laseDRC.
Kuthiwa iM23 sele ithathele kuyo inxalenye yedolophu yaseGoma, ukanti ezintsha zithi la mavukela mbuso athathele kuwo isikhulu seenqwelomoya saseDRC.
Kumajoni weli asandula kubhubha, kukho lawo ebefumene ukwenzakala nathe abhubhela esibhedlele kamva.
UMongameli woMzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa, utsalele umnxeba ongxamileyo ethetha noMongameli waseRwanda, uPaul Kagame, ngelicela intsebenziswano. Ilizwe laseRwanda lityholwa ngokuba lincedisana neqela labavukeli iM23.
Okwangoku akukho nto ivakalayo malunga nonxibelelwano phakathi kukaRamaphosa kwakunye noMongameli welizwe laseDRC uFelix Tshisekedi.
NgoLwesihlanu weveki ephelileyo, amajoni alithoba adutyulwe abhubha logama alishumi elinesibhozo enzakele kabuhlungu.
Othethe egameni lomkhosi weli, uSimphiwe Tshabalala, uthi sele bethathe amanyathelo beli sebe lomkhosi malunga nale meko.
“Into esele siyenzile ukuza kuthi ga ngoku kukuthumela amagosa entlalontle, amagosa entuthuzelo ukuba aye kubonana neentsapho zamajoni ethu awileyo,” kutsho uTshabalala.
UTshabalala uthi akanalwazi lokuba iza kubuya nini imizimba yamajoni weli ukusuka eGoma ukuza ekhaya eMzantsi Afrika.
“Silungiselela ukuba imizimba yamajoni ethu ilungiswe eGoma ukuze ilungele ukubuyiselwa ekhaya kamva,” kutsho uTshabalala. Akho amakhaya asele exelelwe ngokubhubha kwabantwana bawo eGoma eDRC.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro