Linyukile inani lokubhubha kwabantu ezindleleni eMpuma Koloni

Ingozi esube imiphefumlo elishumi elinesibini ngaphandle kwaseDutywa. Umfanekiso: ECDoT

Bangaphaya kwamashumi asibhozo (80) abantu abathe babhubha kwiindlela zeMpuma Koloni ukusukela oko kuqale ixesha leziyunguma, ngokweengxelo.

Kwingozi yakutsha nje, kubhubhe abantu abalishumi elinesibini (12) kwingozi yemoto kuhola wendlela uN2 ngaphandle kwaseDutywa malunga nentsimbi yesibhozo ebusuku ngaseNywarha ngobusuku bangoMgqibelo. Ngelixa abanye abantu ababini bonzakele ngokumasikizi.

Le ngozi imanyumnyezi yenzeke kwisithuba esingaphantsi kweveki emva kwengozi eyenzeke phakathi kweSUV kunye neteksi kuhola wendlela uN9 ngaphandle nje kwaseRhafu ngentsasa yangoMvulo eye yasuba imiphefumlo elishumi elinesihlanu (15).

Isithethi seSebe lezoThutho eMpuma Koloni u-Unathi Binqose uthi le ngozi ibiphakathi kwemoto yohlobo lweToyota Quantum ebinabantu abalishumi (10) kunye neFord Ranger ebinabantu abane (4).

KwiFord Ranger, uthi abantu abathathu ababengamadoda bonke babhubhele kwindawo yexhwayelo, ngelixa omnye umkhweli wasetyhini wonzakele kakhulu.

KwiToyota Quantum, basibhozo (8) bebonke abantu ababhubhele kwindawo yexhwayelo, amadoda amane (4) nabasetyhini abane (4), utshilo. Uthe abanye abantu ababini (2) babalekiselwe esibhedlele.

Omnye (1) wabonzakeleyo ubhubhele ngentsasa yanamhlanje esibhedlele.

“Uhola wendlela uN2 yenye yeendlela eziphawulwe njengeziyingozi kweli lizwe, le ndlela iphakathi kweKei Bridge noMthatha.

“Ingozi eyenzekileyo iyafana naleyo yenzeke kwiveki ephelileyo ngoMvulo apho kubhubhe abantu abane,” utshilo uBinqose ethetha nejelo leendaba.

UMphathiswa weSebe lezoThutho eMpuma Koloni, uXolile Nqatha, uthumele amazwi ovelwano kwiintsapho zababhubhileyo. Ukwabongoza abasebenzisi beendlela ukuba balumke ngakumbi, banyamezelane ezindleleni kwaye baphephe ezi ngozi zibulala abantu abaninzi.

Amapolisa aphanda ityala lokubulala ngokungenhloso.