Linyukile ixabiso lerhasi

Nangona lehlile

Lehlile ixabiso lepetrol neledizili

ngoLwesithathu umhla wesibini kule nyanga yeDwarha ixabiso lamafutha aquka idizili nepetroli, ukanti lona ixabiso lerhasi lenyukile.

Ingxelo ekhutshwe liSebe lezimbiwa namandla kweli ikuqinisekisile ngenene ukuhla kwexabiso lamafutha okwesihlanu kulo nyaka.

Ixabislo lerhasi lona lonyuke ngamashumi amabini anesithathu eesenti, oku kuthetha ukuba abo baxhomekeke kwirhasi ukwenza umlilo basengxakini.

Irhasi yenye yezinto zokupheka, nokufudumeza amakhaya esele isetyenziswa kumakhaya amaninzi.

Ngengxaki zombane ebezambethe eli lizwe, irhasi ijike yayenye yezinto zokupheka kuninzi lamakhaya weli. Izibhedlele namaziko asebenzisa ubuxhakaxhaka baxhomekeke ngamandla kwimveliso yerhasi.

Nangona bevuya abathengi bamafutha emoto aquka idizili nepetroli, kuza kuba kubi kubathengi berhasi. Ukuqina kwamandla erandi kuchazwe ukuba kuko okubangela ukuba lihle ixabiso lamafutha kwilizwe loMzantsi Afrika.

Idizili ihle ngerandi neshumi elinesine leesenti, nepetroli ngokunjalo. Olunye uhlobo ledizili, lihle ngerandi neshumi elinesibini leesenti, nepetroli ngokunjalo.

Kwinyanga ephelileyo ixabiso lepetrol belihleli kumashumi amabini ananye eerandi, ngoku kulindeleke ukuba liyekuma kumashumi amabini eerandi aneesenti ezingamashumi amabini anesithandathu.

Ixabiso leParafini nalo lehlile, kwaye oku kuza kwenza umahluko kwimpilo zabaninzi abaxhomekeke kuyo. IParafini ngokufanayo nerhasi isetyenziswa kakhulu zintsapho ezihluphekayo ukuzama ukuzenzela ubushushu.