Linzima idabi lomhlaba!

Kukho iingxoxo eziqhubekayo ngemihlaba. Umhlaba udalelelwe ukuba uvelise ukutya ukuze umntu ophila kuwo adle aphile.

Xa kuthethwa ngomhlaba kuye kube nzima ngoba kwenziwe amaphepha agcinwe eziofisini apho khona kuthiwa umzekelo isiza esilinganiselwa kwiimitha eziphindaphindwe ngeemitha ezithile sithengiselwe umnumzana uZibaningeshe ngexesha elithile, ixwebhu liye latyikitywa.

Ukuba oko kwenzekile, uMnumzana uZibaningeshe uzakuba negunya kuso eso siza ngoba kwaziwa yena ngamaPolisa, uRhulumente, iJaji, njalo njalo.

Kukho izityalo/izithole ezingama gongqongqo amanzi eziza ngeenqwelomoya nezikhephe zifikelela kwizandla zabantu abangenayo inkathalo ngekamva ngokuphathelele ngempilo okanye imeko yokungaphazanyiswa komhlaba.

Iifem zigrumba igolide, idayimani njalo njalo ziphetha ziwulimaza umhlaba ngoba emva kokuba izimbiwa zigrunjiwe – loo mhlaba ushiyeka ungakwazi uphinde ukwazi ukuvelisa ukutya.

Ukuba loo mhlaba uza kukwazi ukuvelisa okusiwa phantsi kwempumlo oko kutya kungayiyo ingozi ngenxeni yamachiza achithekele umhlaba lowo. Abantu ke bangagula, umhlaba ufuna ukuhlonitshwa, ufuna ukuphathwa ngembeko nesithozela.

– Johnny Loji

THUMELA EYAKHO ILETA, SIYIPAPASHE. THUMELA NGE-SMS okanye ngoWHATSAPP

ku 063 743 9538