Liphanzile ilinge lokujongela phantsi uMabuyane

UNondyebo uBabalo Madikizela, uSekela-Nobhala uHelen Sauls-August, uSomlomo uStella Ndabeni-Abrahams neGqwetha uSakhela Ngqiqo Umfanekiso: Siyanda Jantjies

 

Ilinge lokujongela phantsi isikhokelo sikaLubabalo Oscar Mabuyane njengenkokeli entsha yeANC eMpuma Koloni likhatyelwe phaya  yinkundla ephakamileyo yaseMonti.

 

Le nkundla, ngokomlomo kaJaji Belinda Hartle, ithi khange iyazi ukuba yintoni isizathu sokuba kuthintelwe inkomfa ngethuba sele iqhuba.

 

“Esi sicelo [sokuba zingathathelwa ngqalelo iziphumo zenkomfa], ndiyasichitha kuba asenziwanga kakuhle. Oku akutsho ukuba abo bebefake isicelo abanalo ilungelo lokucubukuda ubume benkomfa,” utshilo uHartle, ekwayalela ukuba abo bohlulakeleyo bahlawule iindleko zenkundla.

 

Ephawula ngalo mba, uSekela Nobhala weANC eMpuma Koloni uHelen Sauls-August,  uthi  sokuze bavume ukuba iANC ilawulwe liqaqobana labantu abanjongo zabo ikukufezekisa “iminqweno yabo”.

 

“Kungelishwa ukuba side sisane enkundleni ngemiba yeANC. Asiyonto siyibukelayo le, kodwa sizakuthetha namaqabane ethu xa sidibene kwindibano ngoLwesithathu,” utshilo uSauls-August.

 

Obesakuba nguMongameli wekhaba lolutsha kwiANC uAndile Lungisa, okwiqela elithi iNkulumbuso uPhumulo Masualle usengusihlalo, uthi bazakubhalela kwikomiti embaxa yeANC kazwelonke (NEC) befuna ukuba ingenelele. ULungisa ukholelwa ukuba le nkomfa ibigutyungelwe ngamatyheneba.