Liphume ngebheyile ipolisa eladubula isinqandamathe

LIFUMENE ibheyile ipolisa eladubula lonzakalisa isinqandamathe salo eMatatiele kwiveki ephelileyo.

Belivele kafutshane phambi kwenkundla kamantyi ze lanikwa ibheyile ye- R1000 , ityala lamiselwa inyanga ezayo. Lijongene nezityholo zokuzama ukubulala.

Othethele amapolisa aseMatatiele uKapteni Raphael Motloung, uthi lisarhoxisiwe emsebenzini eli polisa ngexa kusaqhutywa uphando. Kanti uthe intokazi eyadutyulwayo yona ichacha kuhle kwisibhedlele sale dolophu.

Uqhube wathi: “Ukubanjwa kweli polisa ngumzekelo wokuba wonke umntu uyalingana phambi kwengalo yomthetho.”

Lona lathi ladubula lonzakalisa kanobom intokazi ebelincuma nayo ekwali polisa emva kokuba ingafunanga ukulityelela egumbini lakhe ngexa bengekho kwindawo yempangelo.

Ityala liphantsi kophando leziko lophando lwamapolisa elizimeleyo i-Independent Police Investigative Directorate (IPID).