Liqatshelwe iqhinga lamakhosikazi athubelezisa intsangu

Iibhegi zentsangu ezifunyenwe kwinkosikazi yaseMthatha UMFANEKISO: Uthunyelwe

Amapolisa aseMpuma Koloni isingathi aliqaphele iqhinga lamakhosikazi athutha intsangu, esuka kummandla waseMthatha ukuya eBhayi.

Oku kuza emva kokonyuka kwenani lamakhosikazi abanjwa endleleni ngamapolisa asuka kummandla waseMthatha, ephethe intsangu esiya eBhayi.

NgoLwesibini kule iveki kubanjwe owasetyhini, ebhaqwa ngamapolisa enentsangu kumthwalo weebhegi zakhe. Lo wasetyhini unamashumi amathathu anesihlanu (35) ubudala ubhaqwe ngethuba amapolisa elokishi yaseJoza eRhini esenza ugqogqo kwiimoto zonke kuhola wendlela kula mmandla.

Le ntsangu ibhaqwe ikwibhegi ezimbini ezinombala obomvu, zibhaqwa kwiQuantum ebisuka kwidolophu yaseMthatha ijonge eBhayi. Ngokwengxelo kaKapteni Mali Govender, intsangu le ixabisa imali engangeR60 000. Sithetha nje le nkosikazi ijongene netyala lokufunyanwa inentsangu kulindeleke ukuba avele kwinkundla yamatyala eRhini ingaphelanga le iveki.

Ukanti kwiveki ephelileyo ngoLwesine, amapolisa aseGcuwa abambe avalela intwazana enamashumi amabini anesine (24) ubudala emva kokuba nayo ifunyenwe intsintsitheka neebhegi ezinentsangu.

Le ntwazana ibanjwe kwisiphambuka sikahola wendlela uN2 kuNdabakazi emva kokuba amapolisa emise imoto ebikhwele kuyo, kuba isuke yarhaneleka ngethuba amapolisa esenza ugqogqo ezimotweni.

Le ntwazana nayo ibisuka kwidolophu yaseMthatha isisa intsangu eBhayi ngethuba ibanjwa.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha, intsangu le ixabisa imali engangeR37 000. Le ntsangu ibikumlinganiselo weekhilogrem ezingamashumi amathathu anesithandathu nesiqingatha ukusinda (36.5 kg).