Liqhekezwe lavala ishishini lekofu eKhayelitsha

IVALIWE indawo ethengisa ikofu eKhayelitsha eNtshona Koloni emva kokuqhekezwa ityeli lesibini, kwathathwa oomatshini abathathu bokwenza iindidi zekofu, iikhompyutha ezine kwakunye nezinongo zokuqhola.

Oku kuqhekezwa kweDepartment of Coffee ngakwisikhululo soololiwe eKhayelitsha kushiye abathandi bekofu benxunguphele.

Ukanti abaseki bale ndawo bathi abayi kuphel’amandla nanjengoko bevule enye indawo eKhayelitsha Mall. Kodwa bathi olu qhekezo lubathwaxile nanjengoko bekude kubathengi babo kwaye nabakhenkethi abafikeleli kuyo.

Omnye wabaseki uWongama Baleni ongumdidiyeli wekofu uthe: “Lusithwaxe kakhulu olu qhekezo ngoba kunyanzeleke ukuba sizokuvula indawo entsha apho singaziwayo ngabathengi bethu. Iinjongo zethu yayikukuthengisela abantu abaya emisebenzini abahlala kufutshane nesikhululo sikaloliwe. Sasifikelwa nangabakhenkethi abandwendwela eLookout Hill abangaseziyo ngoku.”

Uthe iDepartment of Coffee yavulwa ngo2012 yaqhekezwa ngo2013 kodwa kweli tyeli kwakubi.

“Besiqhekezelwa okwesibini kwaye into esikhathazayo kukuba akukho mntu wakhe wabanjwa. Ngethamsanqa zange zithathwe iimatshini zokwenza ikofu ngo2013. Side sabe siyavala ngoku. Lo nto ithethe ukuthi izaphuli-mthetho ziphumelele,” utshilo.

UBaleni uthe basasebenzisa umatshini omnye kuphela ngokwangoku. Uthi sebesungule ingxowa yenkxaso-mali ukuze bathenge abanye oomatshini.

“Ngokwangoku iseza kakuhle le mali yenkxaso. Sifumana inkxaso engumangaliso. Sinethemba lokuba sizokukwazi ukuphinda sivule apho besithengisela khona. Ishishini beliqhuba kakuhle kula ndawo kunalapha. Besikufutshane nesikhululo, sinabathengi abaninzi kuquka abatsha nabadala,” utshilo. Umhlali waseKhayelitsha, uMelikhaya Liwani, uthe esi senzo sibonakalisa ukuba umntu omnyama akayifuni impucuko kwaye akafuni nokubona omnye ephumelela.

“La majita ebezizamela kwaye esiza kakuhle, likhula ishishini lawo. Jonga ngoku bavalile ingeyo ntando yabo. Ibi kokokuqala kuthengiswa ikofu eyenziwe ngoomatshini eKhayelitsha. Liyinene elithi uMtyholi akalali engatyanga,” utshilo. UNolubabalo Mona uthe ubuyele kwinto awayigqibela kudala yokwenzela umama wakhe ikofu ayigcine eflaskini.

“Oko kuthe kwavalwa la ndawo ndivuka ekuseni ndenzele umama ikofu. Andisayazi nokuba ndagqibela nini ukwenza lo nto.”