Liqule laligangatha iSebe lezeMpilo

UMphathiswa weSebe lezeMpilo uSindiswa Gomba endwendwele kwiziko lokwamkela iminxeba ecela iambulensi eMontiUmfanekiso: BHEKI RADEBE

ISebe lezeMpilo eMpuma Koloni liphehlelele inkqubo malunga nokuxhobela iimeko zeholide zikaDisemba. Olu phehlelelo belubanjelwe kwiHotele iOsner eMonti ngoLwesibini umhla weshumi kweyoMnga.

Namhlanje, uMphathiswa weSebe lezeMpilo uSindiswa Gomba ukhwebe amapolisa, izicimamlilo kwakunye neziko elamkela iminxeba yabantu abafuna imoto yezigulana.

INtsumpa Jikelele kwiSebe lezeMpilo eMpuma Koloni, uGqirha Thobile Mbengashe, uthi bayaqala ukukhweba amanye amaqumrhu namanye amasebe xa bexhobela iiholide zikaDisemba.

“Siyiqaphele ukuba asinakusebenza sodwa xa siqubisana neengxaki ezijamelana nabantu ngexesha likaDisemba. Sifuna ukuqinisekisa ukuba siyawasabela amakhwelo abantu abafuna uncedo. Eli lixesha apho sithi siyacela abantu bathobe isantya ekuseleni utywala kuba utywala bukukhokelela ezintweni ezininzi kakhulu. Eli lixesha lokuba abantu babhiyozelele kwaye bonwabele iiholide zokuphela konyaka. Eli ayiloxesha lokuba abantu basweleke. Abantu abasela kakhulu baphela begaxeleka ezingozini, ezo ngozi ezo zibakhokelele esibhedlele. Kanti ke thina asifuni bantu abaza kungena ezibhedlele ngeli xesha. Siza kusebenza ngokuzinikela, siqinisekise ukuba wonke umntu ukhuselekile ngeli xesha lonyaka,” utshilo uGqirha Mbengashe.

UMphathiswa weSebe lezeMpilo, uSindiswa Gomba, ukhe wazipha ithuba lokutyelela nokujikeleza iziko elamkela iminxeba yabantu abafowunela inqwelo yezigulana (Call Centre).

Eli ziko kuthiwa linkqenkqeza phambili apha eMzantsi Afrika xa ulithelekisa namanye amaziko akwamanye amaphondo. Xeshikweni ekweli ziko, uMphathiswa uGomba uye wacela ukuba aphiwe ixesha lokuba asabele umnxeba womntu ocela inqwelo yezigulana.

“Ndizive ndichukumisekile xa bendithetha nomntu ocela inqwelo yezigulana. Eyona nto indichukumise kakhulu kukuba lo mntu bendithetha naye uye wathi gqolo esithi ndiyakucela ndincede, kwaye ebengandiniki nexesha lokuba ndimbuze imibuzo ukuze ndikwazi ukuthatha iinkcukacha zakhe. Ndiyayiqonda imeko ejamelene nabasebenzi abasebenza kweli ziko ngeli xesha. Uhlobo abazinikezela ngalo abasebenzi kweli ziko indenza ndiqaphele ukuba kutheni amanye amaphondo afana nephondo laseMntla Ntshona acele ukuba sibafundise ukuba siliphatha njani na iziko,” utsho uGomba.

USekela Ntsumpa kwiSikhululo samaPolisa eMdantsane, uBrigadier Marinda Mills, uthi zintlanu iintsika zabo zokhuseleko kwezi holide zikaDisemba.

“Ukuhlakanipha, ukhuseleko, ukuphanda, ukunciphisa kwakunye nokuphendula kwangexesha. Ndiyacela abantu bohlukane nokuthenga izinto ezibiweyo. Xa uthenga izinto ezibiweyo ukhuthaza ubundlobongela,” utshilo uMills.