Lirhoxile igqwetha lalowo wabulala uAsithandile!

I

gqwetha ebelimele uViwe Rulumeni (22) ojongene netyala lokubulala intwazana ewayencuma nayo uAsithandile “Kwasa” Zozo (19), lirhoxile ekumeleni uRulumeni kuba lisithi lazana emva notata womrhanelwa.

Ezi ndaba zokurhoxa kwalo zivele ngoLwesibini kule veki enkundleni eDutywa ngethuba eyokuvela uRulumeni.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi sephondo kwiNPA kwingingqi yaseMthatha, uLuxolo Tyali, liye larhoxa emveni kokubona okuqulethwe lidokethi.

“Igqwetha lixelele inkundla ukuba liqaphele kwidokethi ukuba lazana kakhulu kwasesikolweni notata womrhanelwa, kwaye akazokwazi ukuqhubekeka nokummela umrhanelwa,” utshilo uTyali.

Inkundla iye yalimisa ityala ngolu suku, lamiselwa umhla wamashumi amabini (20) kwakule imiyo inyanga ukuze umrhanelwa afumane elinye igqwetha elitsha eliza kummela.

URulumeni ujongene netyala lobulala uZozo nobengumfundi eWits. Wambulala emini abantu bejongile ngomhla weshumi elinesixhenxe (17) ngenyanga yamanina edolophini eDutywa. Wamkhupha kowabo endlini ehleli nodadewakhe kwakunye nomtshana wakhe.

Emva kokubulala uZozo wazama naye ukuzibulala eziseza ityhefu umrhanelwa.