Lirhoxisiwe ityala ngakuBanele Mancoba

Umtshutshisi uwarhoxisile amatyala ezityholo zodlwengulo abetyatyekwa uBanele Mancoba UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Ityala lodlwengulo ebelibekwe uBanele Mancoba (30) lirhoxisiwe emva kokuba umtshutshisi evakalise ukuba ubungqina ngakweli tyala abonelanga.

NgoLwesithathu, uMancoba ebevele enkundleni kamantyi waseNgcobo emva kokubanjwa kwakhe ngamatyala aquka ukuxhaphaza ngezesondo ilungu letyalike ekhe yangundabamlonyeni iMancoba Seven Angels’ Ministries eNyanga, eNgcobo.

Le tyalike yaduma emva kokudutyulwa kubulawe amapolisa amahlanu aseNgcobo kuquka nejoni, kweyoMdumba kulo nyaka, kwisehlo esenziwa ngamalungu eMancoba Seven Angels’ Ministries.

Isithethi seGunya Bantu lezoTshutshiso uLuxolo Tyali uthi umtshutshisi oyintloko, emva kokuba eqwalasele okuqulathwe kwizityholo ezityatyekwa uMancoba, ugqibe kwelokuba alirhoxise eli tyala ngenxa yokuba kungekho bungqina boneleyo.

Kodwa uMancoba, ngokokutsho kukaTyali, usashiyeke ngaphakathi eziseleni kwelinye ityala atyatyekwa lona lokuceba ukuphanga.

Ngethuba I’solezwe lalinodliwanondlebe noBanele Mancoba kwizakhiwo zale tyalike kweyoMdumba, le ndedeba yaxelela eli phephandaba isithi: “Ngokwesiprofeto sikatata (Siphiwo) akusekudanga ngoku ukuba avuke ekufeni. Yiyo le nto ubona abantu beyeke imisebenzi yabo, abanye bencame amakhaya abo. Bafuna ukuba yinxalenye nosapho lakwaMancoba, ukuze mhla abuyayo afike kukho aba bantu wayebashiye ebandleni lakhe.”

Abo babebanjelwe ukubulala amapolisa basengaphakathi eziseleni. Aba ke nguAndani Monco, Kwanele Ndlwana, Siphosomzi Tshefu, Siphesihle Tatsi kwakunye Phumzile Mhlatywa kunye noPhuthumile Mancoba.