Lisela leenkomo uMfundisi waseWesile!

Ubanjiwe umfundisi wenkonzo yamaWisile aManyeneyo eFort Malan eDutywa ngesityholo sobusela beenkomo kwilali yaseTywaka. Ingxelo yekomkhulu lale lali ithi kudala kulahleka iibhokhwe, iinkomo neegusha nezinye izinto ezifuywayo kule ndawo.

UNkosi McDonald Mhaga yiNkosi ebambeleyo kule lali, uyacacisa.

“Uvume esidlangalaleni umfundisi ukuba uzibile iinkomo ezimbini emva kokuba ebizelwe entlanganisweni yabahlali,” ucacise watsho uMhaga.

Lo mfundisi utyholwa ukuba ukwagrogrise abahlali ngethuba bembizela entlanganisweni yabahlali emva kokulandelwa zezi zityholo.

“Umfundisi ubhaqwe yimoto ebiphuma apha elalini, elayisha inkomo ebhakini nabantwana bakhe, emva kokulandela le bhaki, inkomo iye kwathulwa eBobeni kuGatyana, eyithengise apho inkomo leyo,” uthethe watsho uMhaga.

Abahlali bathumele abafana ukuba baye kubiza umfundisi emzini wakhe, nekutyholwa ukuba uye wabakhomba ngomkhono wekati.

“Kudala silahlekelwa yimfuyo kule ndawo singayazi ukuba iyaphi, sidane kakhulu ukuba singabelwa imfuyo ngumfundisi, phofu uvela kugxothwa enkonzweni ekwaBhaca nakwezinye iindawo,” utshilo uMhaga.

Egameni lesizwe samaMfengu, uNkosi Manduleli Bikitsha, uthi badanile sesi senzo sale ndoda yakwaLizwi.

“Iyasidanisa kakhulu into yokuba umntu ekumele ukuba ungumzekelo entlalweni afumaneke esenza izinto ezinje phakathi kwabantu, lihlazo lomfundisi eli, ingakumbi kwisizwe samaMfengu,” uthethe watsho uNkosi Bikitsha.

Ingxelo yeEastern Cape Communal Wool Growers Association yonyaka ka2017, ithi ingxaki yokubiwa kwemfuyo yingxaki ephambili eDutywa nakwiMpuma Koloni ngokubanzi.

Iintsapho ezaziwayo ezilahlekelwe yimfuyo kwezi lali zaseTywaka ziquka usapho lukaNkosi McDonald Mhaga, usapho lakwaNgayeke nolwakwaMafuya.

Amapolisa akuGatyana akuqinisekisile ukuba lifikile ityala lokubanjwa komfundisi kwisikhululo sawo nekuthe kamva wakhululwa engavelanga enkundleni.

“Andivumelekanga ukuthetha nabeendaba, kodwa bebanjwe ngabahlali lo mfundisi bamzisa kuthi, ngenxa yesizathu endingasaziyo akakhange avalelwe, asinabo nobungqina bokuvulwa kwetyala kule ncwadi iphambi kwam, ngoko ke kufuneka ukuba sikhangele kutheni ityala lingavulwanga ngabecuphi,” litshilo ipolisa.

Ukanti igosa lenkonzo yamaWisile aManyanayo, uIsaac Ngwayane, uthi bayasazi esi siganeko bengamalungu enkonzo.

“Wayesikhokele ngoko lo mfundisi, inkonzo yamtshintshela emaMpondweni, akasenguye umfundisi wethu, ndisivile isiganeko sokuba ubanjwe ngabahlali wanikezelwa emapoliseni ngenxa yobusela beenkomo zabantu,” utshilo uNgwayane.

Ukanti umfundisi akawubambi umnxeba wakhe nowenkosikazi ukhala wodwa.