Lishumayela ubuntu ngeJazz igqiyazana laseBhayi

Nosisi Mavela

UNosisi Mavela ozibiza ngokuba nguMamCwerha nohlala kwilokishi yaseNew Brighton, uza kube entyiloza eqongeni kwiholo eyaziwa ngokuba yiAthenium kumsitho wakhe obizwa ngokuba yiGospel Jazz Concert ngoLwesihlanu kule veki.

Le mvumi ithi ixheleke emphefumlweni yindlela uluntu olulahlekelwe ngayo bubuntu, esithi lo mkhuba unqongophele nasemabandleni.

Uhambisa athi kule mihla kunzima nokushiya usana lwakho kwisizalwana esiyindoda kuba amadoda ezi mini sele ezikhelela nakwiimvekwana.

Uthi wabhala ingoma ethi ‘Isikhalo’ esenza isimbonono ngenxa yokuqhekeka kwamakhaya nokungathethisani kweentsapho, kubangelwa ngumkhwa wokuvukelana phakathi kwazo.

“Le ngoma ivuselela isazela koobhuti noomalume, ikwababuza ukuba beva ntoni emnandi ingaphaya kwesikhalo nencwina yomntwana ejubalaza phantsi kwayo, ikwashumayela ukuba uluntu neenkonzo mazishukume zenze into ngale ntlonti,” utshilo.

Kulo msitho uza kutshila kwelo qonga neemvumi ezisakhulayo ezikwangabafundi kwisikolo sabantwana abanesiphako sokungaboni ngamehlo iKhanyisa School for the Blind esikwalapha eBhayi.

UMavela waqala ukucula ngethuba eneminyaka esibhozo, ecula esikolweni wadlulela kwikwayala iBantu Church of Christ nakwikwayala yodumo iJoy of Africa.

Uculile kwiqela lamagqala angasekhoyo uStompie Mavi, uVictor Ntoni namanye afana noAbigail Khubeka, Joe Nina, Tsepo Tshola, Sibongile Khumalo, Gloria Bosman wadlala nakwintengiso yakwaMTN.

Le yikhonsathi yakhe yokuqala ukuyisingatha emva kokubuya kwakhe kwilizwe lamaNgesi eSkotlani kule nyanga iphelileyo.